UISAYA 9:6-7
UISAYA 9:6-7 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Ngokuba sizalélwe umntwana, sinikwé unyana; ukuthethela kusesixhantini sakhe; igama lakhe kuthiwa nguMmangaliso, nguMcebisi, nguThixo oligorha, nguSonini-nanini, nguMthetheli woxolo, ukuba kwande ukuthethela oko, kubekho uxolo olungenakuphela etroneni kaDavide, nasebukumkanini bakhe, ukuba bumìswe buxhàswe ngokusesikweni nangobulungisa, kususela koko kude kuse ephakadeni. Ikhwele likaYehova wemikhosi liya kukwenza oko.
UISAYA 9:6-7 IBHAYIBHILE (XHO96)
Andithi na kaloku thina sizalelwe umntwana; kaloku thina silizwe ngonyana. Nguye ke oya kulawula. Ke yena wothiywa igama kuthiwe nguMcebisi omangalisayo, uThixo oligorha, uSonini-nanini, iTshawe loxolo. Yena uya kuba yingangalala, into embuso uluxolo olungaphele ndawo. Yena uya kungena ezihlangwini zikaDavide, umbuso wakhe awumilisele ume ngxishi, uxhathise ngomthetho nangobulungisa, ukusukela ngoku kude kube nini-nini. *UNdikhoyo onekhwele, nditsho uSomandla-onke, nguye oya kuyenza loo nto!
UISAYA 9:6-7 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Kuba sizalelwe umntwana, sinikwe unyana; ukuthethela kusegxalabeni lakhe, ukubizwa kwakhe kuthiwe nguMmangaliso, nguMcebisi, uThixo oligorha, nguSonini-nanini, nguMthetheli woxolo. Akuyi kubakho ukwanda kolongamo noxolo ukusa kwixesha elingenammiselo etroneni kaDavide nasebukumkanini bakhe ukuze abuqinise buqinise ngobulungisa nangokusesikweni ukususela ngoku kuse kwixesha elingenammiselo. Ubukhwele bukaYehova wemikhosi buya kukwenza oko.
UISAYA 9:6-7 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Ngokuba sizalelwe umntwana, sinikiwe unyana; ubukosi boba pezu kwegxalaba lake, negama lake lobizwa ngokuba NGUMMANGALISO, UMCEBISI, UTIXO ONGUSOMANDLA, UYISE WONAPAKADE, INKOSI YOXOLO. Ukwanda kwobukosi bake nokwoxolo lwabo akuyi kuba nakupela, pezu kweterone ka‐Davide, napezu kwobukumkani bake; ukuba buqiniswe, nokuba busekelwe, ngobugwebo nangobulungisa, kwa kaloku nje nakude kube ngunapakade. Ubukwele BUKAYEHOVA wemikosi bokwenza oku.


