UISAYA 9:1-7
UISAYA 9:1-7 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Ngokuba akuyi kuhlala kuthe ncithi kwelinengcutheko. Ngexesha lokuqala walicukuceza ilizwe lakwaZebhulon nelizwe lakwaNafetali; ngelakamva uya kuyizukisa indlela yaselwandle, phesheya kweYordan, ummandla weentlanga.• Abantu abo bàhamba emnyameni baboné ukukhanya okukhulu; abemi basezweni lethunzi lokufa, ukukhanya kubengezéle phezu kwabo. Ùyalwandisa uhlanga, ulukhulisela uvuyo; bayavuya phambi kwakho, njengokuvuya kwexa lokuvuna, njengokuvuyelela kwabo ekwabeni kwabo amaxhoba. Kuba idyokhwe yomthwalo wabo noswazi lwamagxa abo, intonga yomqhubi wabo, ùyaphule njengemini yakwaMidiyan. Ngokuba zonke izihlangu zabanyathela ngezihlangu ekungxoleni kokulwa, neengubo ezityikitywe emagazini, ezo ziya kutshiswa, zibe kukudla komlilo. Ngokuba sizalélwe umntwana, sinikwé unyana; ukuthethela kusesixhantini sakhe; igama lakhe kuthiwa nguMmangaliso, nguMcebisi, nguThixo oligorha, nguSonini-nanini, nguMthetheli woxolo, ukuba kwande ukuthethela oko, kubekho uxolo olungenakuphela etroneni kaDavide, nasebukumkanini bakhe, ukuba bumìswe buxhàswe ngokusesikweni nangobulungisa, kususela koko kude kuse ephakadeni. Ikhwele likaYehova wemikhosi liya kukwenza oko.
UISAYA 9:1-7 IBHAYIBHILE (XHO96)
Kambe ke akuyi kuhlala kumnyama kwabo bebesezinkxwalekweni. Kwilixa lamandulo elakwaZebhulon nelakwaNafetali lalidelekile, kambe ke kwilixa elizayo lo mmandla uya kuzuza udumo; nditsho ukusuka kulwandle lwasempuma ujikele uwele iJordan, uye kuthi gaa ngeGalili yeentlanga. Abantu ababemfamza ebumnyameni ngoku bakufumene ukukhanya; kwabo babehamba ebumnyameni kubo uthe qheke umsobomvu. Wena usandisile isizwe sakho, usuke waluthi chatha uvuyo lwaso. Ngoko ke siyachulumacha ngenxa yakho, de ngathi sinemihlali ngexa lokuvuna, sengathi sigcotyiswe kukuxhaphaz' amaxhoba. Kaloku wena uyaphule idyokhwe yaso, ulususile uxanduva nomqobo obusemagxeni. Leyo ke yingcinezelo yomcinezeli. Wena ubuthe kwanga kungomhla wamaMidiyan. Zonke izihlangu zomkhosi ogxashizayo, nazo zonke iimpahla ezidyojwe ligazi, ziya kutshatyalaliswa ngomlilo. Andithi na kaloku thina sizalelwe umntwana; kaloku thina silizwe ngonyana. Nguye ke oya kulawula. Ke yena wothiywa igama kuthiwe nguMcebisi omangalisayo, uThixo oligorha, uSonini-nanini, iTshawe loxolo. Yena uya kuba yingangalala, into embuso uluxolo olungaphele ndawo. Yena uya kungena ezihlangwini zikaDavide, umbuso wakhe awumilisele ume ngxishi, uxhathise ngomthetho nangobulungisa, ukusukela ngoku kude kube nini-nini. *UNdikhoyo onekhwele, nditsho uSomandla-onke, nguye oya kuyenza loo nto!
UISAYA 9:1-7 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ke yena ubumnyama abuyi kuba njengomsindo wakhe, ekulitshutshiseni kwakhe ilizwe lakwaZebhulon nelizwe lakwaNafetali umzuzwana, wabatshutshisa kakubi endleleni eya elwandle, phesheya kweYordan, iGalili yeentlanga. Ke abo bahamba ebumnyameni babone ukukhanya okukhulu; abo bahleli ethunzini lokufa bakhanyiselwa kukukhanya. Ubandisile abantu, akwandise luvuyo; Ngokuba uyaphule idyokhwe yomthwalo wabo, umsimelelo osemagxeni abo, nomsimelelo womxinzeleli wabo, njengoko kwakunjalo ngemihla yakwaMidiyan. Kuba yonke imfazwe yegorha inesandi esididekileyo, neengubo zizele ligazi; kodwa kuya kuba kumlilo nakukudla. Kuba sizalelwe umntwana, sinikwe unyana; ukuthethela kusegxalabeni lakhe, ukubizwa kwakhe kuthiwe nguMmangaliso, nguMcebisi, uThixo oligorha, nguSonini-nanini, nguMthetheli woxolo. Akuyi kubakho ukwanda kolongamo noxolo ukusa kwixesha elingenammiselo etroneni kaDavide nasebukumkanini bakhe ukuze abuqinise buqinise ngobulungisa nangokusesikweni ukususela ngoku kuse kwixesha elingenammiselo. Ubukhwele bukaYehova wemikhosi buya kukwenza oko.
UISAYA 9:1-7 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Kodwa akuyi kumana kusibekelelwa, apo isitukutezi besifudula sikona: njengokuba ebete ngexesha lapambili wangenisa ilizwe lakwa‐Zebulone nelizwe lakwa‐Nefatali ekudelweni, woti ke kamva awenze abe nokubekwa — awendlela yaselwandle, pesheya kwe‐Yoredane, i‐Galili yabaheyideni. Abantu ababehamba ebumnyameni, babonile ukukanya okukulu; abo babehleli ezweni letunzi lokufa, ukukanya kukazimlile pezu kwabo. Usandisile isizwe, esivuyo ubungalwenzanga lukulu: bayavuya ebusweni bako njengokuba kuvuywa ngexesha lokuvuna; njengokuba begcoba abantu ekwabeni kwabo amaxoba. Ngokuba iyokwe yomtwalo wabo, nentonga yegxalaba labo, uswazi lwombandezeli wabo, uzapule, njengasemini yama‐Midiyane. Ngokuba zonke izihlangu zabaxo̔bileyo ngazo ekulweni, nengubo eziqengqiweyo egazini, ziya kutshiswa; zoba kukutya kwawo umlilo. Ngokuba sizalelwe umntwana, sinikiwe unyana; ubukosi boba pezu kwegxalaba lake, negama lake lobizwa ngokuba NGUMMANGALISO, UMCEBISI, UTIXO ONGUSOMANDLA, UYISE WONAPAKADE, INKOSI YOXOLO. Ukwanda kwobukosi bake nokwoxolo lwabo akuyi kuba nakupela, pezu kweterone ka‐Davide, napezu kwobukumkani bake; ukuba buqiniswe, nokuba busekelwe, ngobugwebo nangobulungisa, kwa kaloku nje nakude kube ngunapakade. Ubukwele BUKAYEHOVA wemikosi bokwenza oku.