UISAYA 61:10
UISAYA 61:10 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Ndinemihlali ndanemihlali ngoYehova, umphefumlo wam uya kugcoba ngoThixo wam; kuba endinxibe iingubo zosindiso, endithe wambu ngengubo yokwaleka yobulungisa, njengomyeni ononkontsho ngokombingeleli, nanjengomtshakazi evethe iimpahla zakhe.
UISAYA 61:10 IBHAYIBHILE (XHO96)
Nditsho ndanemihlali ngenxa kaNdikhoyo; umoya wam uyachulumacha ngoThixo wam. Kaloku undithe wambu ngomnweba wosindiso, ewe, yena undambathise isivatho sobulungisa, ndatsho ndanjengomyeni eqhoqhonye intloko yakhe njengombingeleli, ndanjengomtshakazi ozihombisa ngobuyoko-yoko bamaso.
UISAYA 61:10 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ndinemihlali ndanemihlali ngoYehova, umphefumlo wam uya kugcoba ngoThixo wam; ngokuba wandambesa ingubo yosindiso, wandambesa ngengubo yokwaleka yobulungisa, nanjengomyeni ovatho izivatho, nanjengomtshakazi ozihombisa izivatho zakhe.
UISAYA 61:10 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Ndiya kugcoba kakulu KUYEHOVA; umpefumlo wam wovuyelela KUTIXO wam; ngokuba endambatisile ngezivato zosindiso; ingubo yobulungisa undinamekisile ngayo; njengokuba umyeni ezivatisa ngezivato ezihle, nanjengokuba umtshakazi ezihomba ngezihombo zake.