UISAYA 56:6-8
UISAYA 56:6-8 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Ke oonyana bolunye uhlanga, abanamathele kuYehova, ukuze balungiselele kuye, balithande igama likaYehova, ukuba babe ngabakhonzi kuye, bonke abayigcinayo isabatha bangayihlambeli, ababambelela emnqophisweni wam: ndobázìsa entabeni yam engcwele, ndibavuyise endlwini yam yokuthandaza; amadini abo anyukayo nemibingelelo yabo yokholiseka esibingelelweni sam; kuba indlu yam kuya kuthiwa yindlu yokuthandaza ezizweni zonke. Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ekubabutheni abagxothiweyo bakaSirayeli, ndisaya kubutha nabanye ngaphaya kwakhe, ngaphaya kwababuthiweyo bakhe.
UISAYA 56:6-8 IBHAYIBHILE (XHO96)
Iintlanga ezizibandakanya noNdikhoyo, ezizinikeleyo kuye zimsebenzela, ezizimiseleyo ukuba zizicaka zakhe, lowo uwuhloneleyo uMhla wokuPhumla, umntu ongawudeliyo awuxabhele, owuthobelayo pheleleyo umnqophiso wam – abanjalo ndobasa kwintaba yam eyodwa, bonwabe endlwini yam yokuthandaza. Amadini abo atshiswayo kunye neminikelo aya kwamkeleka kwiqonga lam lamadini. Kaloku indlu yam kothiwa yindlu yokuthandaza iintlanga zonke. ” Utsho ke uMhlekazi uNdikhoyo, nditsho umqokeleli weembacu zikaSirayeli: “Ndisaza kuqokelela nabanye ngaphandle kwâbo sendibaqokelele.”
UISAYA 56:6-8 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Yaye oonyana bolunye uhlanga abanamathela kuYehova ukuze bakhonze yena nokuthanda igama likaYehova ukuze babe ngabakhonzi bakhe, wonk’ ubani ogcina isabatha ukuze ayihlambele nobambelela emnqophisweni wam; ndobazisa entabeni yam engcwele, bavuye endlwini yam yokuthandaza; amadini abo anyukayo neminikelo yabo yokholeka esibingelelweni sam; ngokuba indlu yam iya kubizwa ngokuba yindlu yokuthandaza yabantu bonke. Itsho iNkosi uYehova, ekubabuthayo abagxothiweyo bakwaSirayeli, ukuthi, Noko ke ndiya kuhlanganisela kuye nabanye ngaphaya kwababuthiweyo bakhe
UISAYA 56:6-8 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Nabasemzini, abazibandakanyela KUYEHOVA, ukuba bamkonze, nokuba batande igama LIKAYEHOVA, babe zizicaka zake, bonke abayigcinayo isabata, bengayinco̔lisi, ababambelela kulo ucebano lwam; sendiya kubazisa entabeni yam eyingcwele, ndibavuyise endlwini yam yokutandaza; amadini okutshiswa abo nemibingo yabo yoba ikolekile pezu kwesibingelo sam; ngokuba indlu yam iya kubizwa ngokuti yindlu yokutandaza kubo bonke abantu. Iti INKOSI e NGUYEHOVA, lowo ubutayo abagxotiweyo bakwa‐Sirayeli: Abanye ndobabutela kuye, ngapandle kwabo ababutiweyo bake.