UISAYA 54:4-8
UISAYA 54:4-8 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Musani ukoyika; ngokuba aniyi kudana, aniyi kuma; kuba uya kulilibala ihlazo lobutsha bakho yaye akuyi kuba salikhumbula ihlazo lobuhlolokazi bakho. Ngokuba indoda yakho nguMenzi wakho; NguYehova wemikhosi igama lakhe; noMkhululi wakho, oyiNgcwele kaSirayeli; Uya kubizwa ngokuba nguThixo wehlabathi lonke. Ngenxa yokuba uYehova ukubize njengomfazi oshiyiweyo nomphefumlo onentlungu, nanjengebhinqa eliselula xa elahliwe, utsho uThixo wakho. Ndakushiya umzuzwana omncinane; ndiya kukubutha ngemfesane enkulu. Ngomkhukula woburhalarhume ndabusithelisa ubuso bam kuwe okwephanyazo; ndiya kuba nemfesane kuwe ngenceba engunaphakade; utsho uMkhululi wakho uYehova.
UISAYA 54:4-8 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Musa ukoyika, ngokuba akuyi kudana; musa ukudideka lihlazo, ngokuba akuyi kuba nazintloni. Ngokuba ukudana kobuntombi bakho ùya kukulibala, ungcikivo lobuhlolokazi bakho ungabi salukhumbula. Ngokuba indoda yakho nguMenzi wakho, ogama lakhe linguYehova wemikhosi; nguMkhululi wakho oyiNgcwele kaSirayeli, ekuthiwa nguThixo wehlabathi lonke. Ngokuba uYehova ukubize njengomfazi obeshiyiwe, omoya ubulalekileyo, njengomfazi wobutsha, xeshikweni ebethe wacekiswa; utsho uThixo wakho. Ndakushiya okwephanyazo elincinane; ndiya kukubutha ngemfesane enkulu. Ngomkhukula woburhalarhume ndabusithelisa ubuso bam kuwe okwephanyazo; ndiya kuba nemfesane kuwe ngenceba engunaphakade; utsho uMkhululi wakho uYehova.
UISAYA 54:4-8 IBHAYIBHILE (XHO96)
Musa ukuxhala, awuyi kungena hlazweni; ungaphithizeli, awusayi kuthotywa. Ihlazo lobutsha bakho lona lolibaleka, ungabi sasikhumbula nesingcikivo sobuhlolokazi. Kaloku nguMenzi wakho indoda yakho; igama lakhe ke nguNdikhoyo uSomandla. NguYedwa kaSirayeli uMkhululi wakho; kuthiwa nguThixo wehlabathi jikelele. Ngoku uNdikhoyo uphinde wakubuyela, njengomfazi osel' enomvandedwa kukushiywa, nditsho umfazana owaliweyo. Kodwa ke uThixo wakho uthi: “Ndakulahla okomzuzwana nje kuphela; ngoku ke ndikubuyisa sendiyimvuze-mvuze luthando. Ndakufulathela ndinengqumbo okomzuzwana nje; ngoku ke ndikuthanda ngothando olungenabuyambo; ewe, ndiyavakalelwa ngenxa yakho.” Utsho ke uNdikhoyo uMkhululi wakho.
UISAYA 54:4-8 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Ungoyiki, ngokuba ungayi kudaniswa! ungamatiswa kanjako, ngokuba ungayi kuviswa ihlazo: ngokuba udano lwobutsha bako uya kululibala, nehlazo lobuhlolokazi bako akusayi kuba salikumbula. Ngokuba umenzi wako eyindoda yako; NGUYEHOVA wemikosi igama lake: nomkululi wako ungoyingcwele ka‐Sirayeli; uya kubizwa ngokuti NGUTIXO wawo wonke umhlaba. Ngokuba njengomfazi oshiyiweyo, omoya ubuhlungu, UYEHOVA ekubizile, nanjengomfazi wobutsha, nxa ubulahliwe, utsho UTIXO wako. Ngexanyana elincinane ndikushiyile; kodwa ngezibele ezikulu ndokubuta. Ngenkukulo yomsindo ndabufihlela ixanyana ubuso bam kuwe; kodwa ngobubele obungunapakade ndoba netaṙu ngakuwe, utsho umkululi wako, UYEHOVA.