UISAYA 49:13-16
UISAYA 49:13-16 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Memelelani, mazulu; gcoba, hlabathi; gqabhukani nimemelele, zintaba; ngokuba uYehova ubathuthuzele abantu bakhe, unemfesane kwabaziintsizana zakhe. Ke yathi iZiyon, UYehova undishiyile, iNkosi yandilibala. Umfazi angàlulibala yini na usana lwakhe, ukuba angabi namfesane kunyana wesizalo sakhe? Nokuba oonina abo bathe balibala, andiyi kukulibala mna. Ùyabona, ndikuvambile ezintendeni zezandla zam; iindonga zakho zihlala zimi phambi kwam.
UISAYA 49:13-16 IBHAYIBHILE (XHO96)
Memelelani ngovuyo, nina mazulu; yeyezela uhlahlambe, wena mhlaba; hlokomani nivume, nina zintaba! Kaloku uNdikhoyo uyabathuthuzela abantu bakhe; uhlabekile ziinkxwaleko zeentsizana zakhe. Ke yena uZiyon uthi: “Hayi bo! UNdikhoyo undifulathele; iNkosi isuke yandilibala.” Waphendula ke esithi: “Ngaba umfazi angalulibala na usana lwakhe, ade angavakalelwa ngowakhe umntwana? Noba ke yena angade amlibale, okokwam ke mna soze ndikufulathele, kuba igama lakho ndilivambile, ndilithe tyaba esandleni sam; iindonga zakho zihlala zisemehlweni am.
UISAYA 49:13-16 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Memelelani, nina mazulu; kwaye ugcobe, hlabathi! memelelani ngovuyo, zintaba; ngenxa yokuba uYehova wabathuthuzela abantu bakhe waza waba nenceba kwabo basweleyo. Ke yathi iZiyon, uYehova undishiyile, iNkosi yam indishiyile. Umfazi angalulibala yini na usana lwakhe, ukuba angabi namfesane kunyana wesizalo sakhe? Nokuba bathe balibala, andiyi kukulibala mna. Yabona, ndikubhalele ezintendeni zezandla zam; iindonga zakho zihlala zingam.
UISAYA 49:13-16 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Culani, mazulu! ugcobe, mhlaba! gqabukelani ekuculeni, zintaba! ngokuba UYEHOVA etutuzela abantu bake, enezibele pezu kwababandezelwa bake. Kodwa i‐Ziyone iti: UYEHOVA undishiyile; INKOSI yam indilibele. Umfazi angamlibala na umntwana wake owanyayo, ukuba angabi nabubele ngakuye unyana wesizalo sake? Ewe, aba bangalibala, kanti mna andisayi kukulibala. Bona ke, ndikuvambile pezu kwentende zezandla zam; indonga zako zipambi kwam futi.