UISAYA 40:6-7
UISAYA 40:6-7 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Ilizwi lothile lathi, Memeza. Wathi yena, Ndimemeze ntoni na? Yithi, Yonke inyama ibutyani, bonke ubuhle bayo bunjengentyantyambo yasendle. Buyoma utyani, iyabuna intyantyambo; ngokuba umoya kaYehova uvuthuza kuyo; inene, abantu babutyani.
UISAYA 40:6-7 IBHAYIBHILE (XHO96)
Ndeva ilizwi lisithi: “Suka udanduluke uthethe.” Ndibuze ndathi: “Ndithethe ndithini na?” “Yithi: ‘Bonke abantu banjengengca; ubomi babo bulingana nobeentyatyambo. Kaloku ingca iyabuna, ivuthuluke intyatyambo yakubethwa ngumoya kaNdikhoyo. Ngenene uluntu nqwa nengca.
UISAYA 40:6-7 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ilizwi lathi: Wowu. Anathi: Ndibize ntoni? Yonke inyama iyingca, bonke ubuhle bayo bunjengentyantyambo yasendle; Buyoma utyani, iyabuna intyantyambo; ngokuba umoya kaYehova uvuthuza kubo; ngokwenene, banjani abantu.
UISAYA 40:6-7 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Ilizwi lati: Danduluka! Wayesiti: Ndiya kudanduluka nto nina? Lwonke uluntu luyinca, nabo bonke ubuhle balo bunjengembali yasendle; inca iyoma, imbali iyabuna, ngokuba umoya KAYEHOVA uvutela pezu kwayo; ngenyaniso abantu bayinca.