KUMAHEBHERE 8:10
KUMAHEBHERE 8:10 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Ngokuba nangu wona umnqophiso, endiya kuwenzela indlu kaSirayeli Emva kwaloo mihla, itsho iNkosi: Ndiya kuthi, ndiyibeke imithetho yam engqondweni yabo, Ndiyibhale ezintliziyweni zabo, Ndibe nguThixo kubo, Nabo babe ngabantu kum.
KUMAHEBHERE 8:10 IBHAYIBHILE (XHO96)
‘Nguwo lo ke umnqophiso endiya kuwenza namaSirayeli kwimihla ezayo,’ itsho iNkosi: ‘Ndoyifaka ezingqondweni zabo imiyalelo yam, ndiyishicilele ezintliziyweni zabo, ndibe nguThixo wabo, bona babe ngabantu bam.
KUMAHEBHERE 8:10 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Nguwo lo umnqophiso, endiya kuwenza nendlu kaSirayeli emva kwaloo mihla, utsho uYehova; ndiya kuyibeka imithetho yam engqondweni yabo, ndiyibhale ezintliziyweni zabo, ndibe nguThixo wabo, babe ngabantu bam
KUMAHEBHERE 8:10 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Ngokuba lulo olu ucebano endiya kulwenza nendlu ka‐Sirayeli emveni kwalomihla, utsho UYEHOVA: Ndiya kubeka imiteto yam engqondweni yabo, napezu kwentliziyo yabo ndoyiba̔la; ndandiya kuba NGUTIXO wabo, bati bona babe ngabantu bam.