KUMAHEBHERE 13:20-21
KUMAHEBHERE 13:20-21 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ke kaloku uThixo woxolo, owamvusayo kwabafileyo iNkosi yethu uYesu Kristu, uMalusi omkhulu wezimvu, ngegazi lomnqophiso ongunaphakade, wanga anganilungisa, nigqibelele emisebenzini yonke elungileyo, ukuze nikwenze ukuthanda kwakhe, esenza ngaphakathi kwenu oko kukholekileyo emehlweni akhe, ngoYesu Kristu. Kuye makubekho uzuko, kuse emaphakadeni asemaphakadeni. Amen.
KUMAHEBHERE 13:20-21 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Ke kaloku uThixo woxolo, lowo wamvusayo kwabafileyo uMalusi oMkhulu wezimvu, ngegazi lomnqophiso ongunaphakade, iNkosi yethu uYesu, wanga anganilungisa, nigqibelele emisebenzini yonke elungileyo, ukuze nikwenze ukuthanda kwakhe, esenza ngaphakathi kwenu oko kukholekileyo emehlweni akhe, ngoYesu Kristu. Kuye makubekho uzuko, luse emaphakadeni asemaphakadeni. Amen.
KUMAHEBHERE 13:20-21 IBHAYIBHILE (XHO96)
UThixo onika uxolo, owayivusa ekufeni iNkosi yethu uYesu Krestu, waba nguyena malusi womhlambi, ngokuphalala kwegazi lomnqophiso ongasoze utshitshe, wanga anganomeleza ekwenzeni okulungileyo, khon' ukuze niyifeze intando yakhe. Wanga angasenza loo nto athanda ukuba sibe yiyo ngoYesu Krestu. Makadunyiswe uYesu Krestu ngonaphakade kanaphakade! *Amen.
KUMAHEBHERE 13:20-21 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Kekaloku UTIXO woxolo, owamnyusayo kwabafileyo umalusi wezimvu, lowo umkulu, enegazi locebano olungunapakade, INKOSI yetu u‐Yesu, wanga anganizalisekisa kuyo yonke imisebenzi elungileyo, nize niyenze intando yake, ekwenza kuni oko kukolekileyo ebusweni bake, ngaye u‐Yesu Kristu; okuye makubeko ubungcwalisa kude kube ngunapakade kanapakade. Amene.