KUMAHEBHERE 12:28-29
KUMAHEBHERE 12:28-29 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Masithi ngoko, sisamkela ubukumkani obungenakuzanyazanyiswa nje, sibe nombulelo, simkhonze ngawo uThixo ngokukholekileyo, sinokuhlonela nokoyika; kuba uThixo wethu ungumlilo odlayo.
KUMAHEBHERE 12:28-29 IBHAYIBHILE (XHO96)
Ngoko ke masitsho ngongazenzisiyo umbulelo kuThixo, kuba kaloku siphantsi kombuso ongagungqiyo. Masidomboze simnqule ngendlela eya kumkholisa uThixo, simhlonela sinoloyiko. Kaloku uThixo wethu ngumlilo olenyayo.
KUMAHEBHERE 12:28-29 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Masithi ngoko, sisamkela ubukumkani obungenakuzanyazanyiswa nje, sibe nombulelo, simkhonze ngawo uThixo ngokukholekileyo, sinokuhlonela nokoyika; Kaloku uThixo wethu ungumlilo odlayo.
KUMAHEBHERE 12:28-29 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Ngako oko ubukumkani obungenakushukuma sibamkela nje, masibambe ufefe, esingati ngalo simkonze UTIXO ngendawo ekolekileyo, sinohlonelo nolwoyiko olubedeshekileyo: ngokuba kwa UTIXO wetu engumlilo odlayo.