KUMAHEBHERE 12:14-15
KUMAHEBHERE 12:14-15 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Phuthumani uxolo nabo bonke, nobungcwele, ekungekho namnye uya kuyibona iNkosi, engenabo; nivelela, ukuze kungabikho bani usilelayo elubabalweni lukaThixo, kungabikho ngcambu yabukrakra, ithi ivele ihlume, inikhathaze, bathi abaninzi badyojwe yiyo
KUMAHEBHERE 12:14-15 IBHAYIBHILE (XHO96)
Hlalani ngoxolo nabo bonke abantu. Yibani nyulu, kuba ngaphandle kobunyulu akukho mntu uya kuyibona iNkosi. Lumkani kungabikho mntu uphulukana nalo ubabalo lukaThixo. Makungakhuli ngcambu yabubi inokuthi ibe yityhefu kwabaninzi.
KUMAHEBHERE 12:14-15 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Phuthumani uxolo nabantu bonke, nobungcwele, ekungekho namnye uya kuyibona iNkosi, engenabo; Lumkani kungabikho mntu uphulukana nalo ubabalo lukaThixo, hleze kuvele ingcambu yobukrakra, inikhathaze, badyobhe abaninzi ngayo
KUMAHEBHERE 12:14-15 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Putumani uxolo ngakubo abantu bonke, nabo ubungcwele, ekungeko namnye oya kuyibona INKOSI engenabo: nilumka nje kungabiko mntu oposana nofefe LUKATIXO; kungabiko nanye ingcambo yobuṙaṙa ihluma nje enikatazayo, kuze kuti ngayo banco̔liswe abaninzi