KUMAHEBHERE 12:1-2
KUMAHEBHERE 12:1-2 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Ngako oko ke, sínelifu elingakanana nje elisingqongileyo lamangqina, masithi nathi, siwubekile nxamnye wonke umthwalo, naso isono esinokusirhawula ngokusisulu, silubaleke ngomonde ugqatso olubekwe phambi kwethu; sise amehlo kuyo iMbangi noMgqibelelisi wokholo lwethu, uYesu, owathi, ngenxa yovuyo olwalubekwe phambi kwakhe, wawunyamezela umnqamlezo, elidelile ihlazo, waza wahlala phantsi ngasekunene kwetrone kaThixo.
KUMAHEBHERE 12:1-2 IBHAYIBHILE (XHO96)
Ngoko ke, thina siphahlwe ngamangqina amaninzi kangaka nje, masiyilahle ke yonke into enokusibambezela, ingakumbi isono, kuba sona siyarhintyela. Masingene kolu gqatso luphambi kwethu sizimisele. Amehlo ethu makathi ntsho kuYesu; kaloku síxhomekeke kuye isiqalo ndawonye nekamva lokholo lwethu. Ewe kaloku, yena wathi, ngenxa yenyhweba eyayimlindele, wawunyamezela umnqamlezo, walidela nehlazo lawo; kungokunje uhleli ewongeni kwibhotwe likaThixo.
KUMAHEBHERE 12:1-2 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ngoko ke, nathi ke, siphahlwe lilifu elingakanana nje lamangqina, masithi nathi, siwubekile nxamnye wonke umthwalo, naso isono esinokusirhawula ngokusisulu, silubaleke ngomonde ugqatso olubekwe phambi kwethu; sise amehlo kuyo iMbangi noMgqibelelisi wokholo lwethu, uYesu; owathi, ngenxa yovuyo olwalubekwe phambi kwakhe, wawunyamezela umnqamlezo, elidelile ihlazo, waza wahlala phantsi ngasekunene kwetrone kaThixo.
KUMAHEBHERE 12:1-2 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
NGAKO oko ke nati, sinesihlwele esikulu kangaka samanqi̔na sisipahla nje, masibeke nxamnye imitwalo yonke, naso isono esiṙaulayo kakuhle, siti ngomonde sibaleke ugqatso esilubekelwayo, sikangela ngakuye oyimbangi nomfezekisi wokolo lwetu, u‐Yesu, owati ngenxa yovuyo olube lubekwa pambi kwake wayinyamezela ikuruse, elidelile ihlazo nje, waza wahlala pantsi ngasekunene kweterone KATIXO.