UHABHAKUKI 3:17-18
UHABHAKUKI 3:17-18 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Nokuba umkhiwane awusayi kutyatyamba, Kungabikho ndyebo emidiliyeni; Nokuba isiqhamo somnquma asiyi kuba siso, Amasimi angabi nakudla, Iphele esibayeni impahla emfutshane, Kungabikho nkomo esitalini: Mna ke ndiya kudlamka ndikuYehova, Ndigcobe ndikuThixo umsindisi wam.
UHABHAKUKI 3:17-18 IBHAYIBHILE (XHO96)
Noba ungade ungadubuli umkhiwane, umdiliya ungabi nazo neziqhamo, nokuba awungevelisi nto umnquma, namasimi ngokwawo angabi nasivuno, zingade zingabikho iigusha esibayeni, nobuhlanti bungabi nazo nazinkomo, ewe, khona kungade kube njalo, kodwa mna ndochwayita kuNdikhoyo, ndibe nemihlali kuThixo ondisindisayo.
UHABHAKUKI 3:17-18 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Nokuba umkhiwane awusayi kutyatyamba, nemidiliya ingavelisi siqhamo; umsebenzi womnquma uya kupheliswa, namasimi angayi kuvelisa kudla; izilwanyana ezincinci kufuneka zitshatyalaliswe kusasa, kwaye kungabikho iinkomo kusasa; Ke mna, ndiya kudlamka ndikuYehova, Ndigcobe ndikuThixo umsindisi wam.
UHABHAKUKI 3:17-18 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Nakuba umkiwane ungatyatyambi, kungeko ukuxakata emitini yeveyine; nakuba ukuhlanza kweminquma kutshitsha, engavelisi ukutya amasimi; nakuba umhlambi unqanyulwa esibayeni, zingeko inkomo ezitaleni: ndiya kuvuyelela noko KUYEHOVA, ndiya kugcoba KUTIXO wosindiswa lwam.