IGENESIS 8:21-22
IGENESIS 8:21-22 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
UThixo weva ivumba elithozamisayo, wathi uYehova entliziyweni yakhe, Andisayi kuphinda ndilitshabhise ihlabathi ngenxa yomntu, ngokuba ukuyila kwentliziyo yomntu kubi kwasebutsheni bakhe; andisayi kuphinda ndizibhubhise zonke izinto eziphilileyo, njengoko ndenzé ngako. Kuthabathela apha, ngayo yonke imihla yehlabathi, akuyi kuphela ukuhlwayela nokuvuna, ukubanda nobushushu, ihlobo nobusika, imini nobusuku.
IGENESIS 8:21-22 IBHAYIBHILE (XHO96)
Lamkeleka ivumba lazo kuNdikhoyo, waza wathi: “Andisobe ndiliqalekise ilizwe ngenxa yezenzo zabantu. Kaloku ndiyazi ukuba umntu uneengcinga ezigwenxa kwaeselula. Andisobe ndizitshabalalise izinto eziphilayo njengoko sendenjenjalo. Kuya kusoloko kukho amaxesha okulima namaxesha okuvuna wonke lo gama lisemiyo ilizwe; kuya kubakho ingqele nobushushu, ihlobo nobusika, ubusuku nemini.”
IGENESIS 8:21-22 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
uYehova weva ivumba elithozamisayo; Wathi uYehova entliziyweni yakhe, Andisayi kulitshabhisa ihlabathi ngenxa yomntu; ngokuba ukuyila kwentliziyo yomntu kubi kwasebutsheni bakhe; andiyi kuphinda ndizivelele zonke izinto eziphilileyo njengoko ndenze ngako. Lo gama kusekho umhlaba, akuyi kuphela ukuhlwayela nokuvuna, ukubanda nobushushu nehlobo nobusika nemini nobusuku.
IGENESIS 8:21-22 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Waye UYEHOVA wasezela ivumba elimnandi: wandul’ ukuti UYEHOVA entliziyweni yake: Andiyi kupinda ukuwuqalekisa kanjako umhlaba ngenxa yabantu, nangona ukucinga kwentliziyo yomntu kukohlakele kwa sebutsheni bake; ndandingayi kupinda ndibuye ndikubete konke okupilileyo, njengokuba ndenje njalo. Kwa yonke imihla useko ngayo umhlaba, akusayi kupela ixesha lokuhlwayela nelokuvuna, nengqele nobushushu, nehlobo nobusika, nemini nobusuku.