Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

IGENESIS 7:1-24

IGENESIS 7:1-24 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)

Wathi uYehova kuNowa, Ngena, wena nendlu yakho yonke, emkhombeni, ngokuba ndibona wena ilungisa phambi kwam kwesi sizukulwana. Kwizinto zonke ezizitho ziné ezihlambulukileyo, thabathela kuwe ngasixhenxe, ngasixhenxe, inkunzi nemazi yayo; kwizinto ezizitho ziné eziziinqambi thabatha ngambini, inkunzi nemazi yayo; nakwiintaka zezulu ngasixhenxe, ngasixhenxe, inkunzi nemazi, ukuze imbewu igcinakale ehlabathini lonke. Kuba zisesixhenxe iintsuku, ndíze ndinise imvula ehlabathini iimini zibe mashumi mané nobusuku obumashumi mané, ndiyicime into yonke emiyo endayenzayo, ingabikho phezu kwehlabathi. Wenza uNowa konke uYehova awamwisela umthetho ngako. UNowa waye eminyaka imakhulu mathandathu ezelwe, wabakho unogumbe wamanzi ehlabathini. Wangena uNowa emkhombeni, enoonyana bakhe, nomkakhe, nabafazi boonyana bakhe, ndawonye naye, ngenxa yamanzi onogumbe. Kuzo izinto ezizitho ziné ezihlambulukileyo, nakuzo izinto ezizitho ziné eziziinqambi, nakuzo iintaka, nakuzo zonke izinto ezinambuzelayo emhlabeni, kwangena ngambini, ngambini, kuNowa emkhombeni, inkunzi nemazi, njengoko uThixo abemwisele umthetho uNowa. Kwathi emva kweentsuku ezisixhenxe, amanzi onogumbe abakho ehlabathini. Ngomnyaka wamakhulu omathandathu wokudla ubomi kukaNowa, ngenyanga yesibini, ngosuku lweshumi elinesixhenxe enyangeni leyo, kanye ngayo loo mini, yagqabhuka yonke imithombo yamanzi enzonzobila enkulu, iingcango zezulu zavuleka. Wabakho umvumbi wemvula ehlabathini iimini ezimashumi mané nobusuku obumashumi mané. Wangena emkhombeni kwangaloo mini uNowa, noShem noHam noYafete, oonyana bakaNowa, nomkaNowa, nabafazi bobathathu boonyana bakhe, ndawonye naye. Bòna, neento zonke eziphilileyo ngohlobo lwazo, nezinto zonke ezizitho ziné ngohlobo lwazo, nezinambuzane zonke ezinambuzelayo emhlabeni ngohlobo lwazo, neentaka zonke ngohlobo lwazo, iinto zonke eziphaphazelayo, ezinamaphiko, zangena kuNowa emkhombeni, ngambini, ngambini, kwinyama yonke enomoya wokuphila kuyo. Zangena iinkunzi neemazi kwinyama yonke; zangena njengoko uThixo abemwisele umthetho. UYehova wamvalela ngaphakathi. Yaba ngunogumbe imihla emashumi mané ehlabathini, enyuka amanzi, awufukula umkhombe, wafunquleka emhlabeni. Aba namandla amanzi, enyuka kunene ehlabathini, wahamba umkhombe phezu kwamanzi. Aba namandla amanzi kunene kakhulu ehlabathini, zagutyungelwa zonke iintaba eziphakamileyo kakhulu, eziphantsi kwamazulu onke. Aba namandla amanzi, ada aba ziikubhite• ezilishumi elinantlanu, ethabathela phezulu; zagutyungelwa ke iintaba. Yaphuma umphefumlo yonke inyama enambuzelayo emhlabeni, kwiintaka, nakwizinto ezizitho ziné, nakwizinto eziphilileyo, nakwinyakanyaka yonke enyakazelayo emhlabeni, nabantu bonke. Iinto zonke ezikuphefumla komoya wokuphila kusemathatheni azo, kwiinto zonke ezisemhlabeni owomileyo, zafa. Zabhujiswa ke izinto zonke ezimiyo, eziphezu komhlaba, kwathabathela emntwini kwesa ezintweni ezizitho ziné, nasezinambuzaneni, nasezintakeni zezulu; zabhujiswa azabakho ehlabathini; kwasala uNowa yedwa, nababenaye emkhombeni. Aba namandla amanzi ehlabathini imihla elikhulu elinamanci mahlanu.

IGENESIS 7:1-24 IBHAYIBHILE (XHO96)

Wathi ke *uNdikhoyo kuNowa: “Ngena enqanaweni nomkakho kunye nosapho lwakho. Ndiphawule ukuba nguwe wedwa kwesi sizukulwana olilungisa. Uze ungenise enqanaweni iinyamakazi ezityiwayo zibe ngasixhenxe, ibe yinkunzi nemazi, kodwa kwezingatyiwayo ibe yinkunzi nemazi zibe ngambini, kwaneendidi zeentaka zibe ngasixhenxe, inkunzi nemazi. Loo nto yenzelwa ukuze zonke ezi ndidi zeenyamakazi neentaka zibuye ziqhame kwakhona elizweni. Emva kweentsuku ezisixhenxe ndiza kunisa imvula eya kutsho iintsuku nobusuku ezingamashumi mane, ukuze itshabalalise yonke into ephilayo endayidalayo.” UNowa wayenza yonke into ayiyalelwa nguNdikhoyo. Wayemakhulu mathandathu ubudala uNowa ukufika kwezantyala-ntyala zemvula kanogumbe elizweni. Yena nomkakhe noonyana bakhe kunye nabafazi babo babalekela enqanaweni ukufika kwaloo mvula. Kwangena kuloo nqanawa inkunzi nemazi yazo zonke iindidi zeenyamakazi neentaka ezityiwayo nezingatyiwayo ngokomyalelo kaThixo. Zagaleleka izandyondyo zemvula emva kweentsuku ezisixhenxe. Wayemakhulu mathandathu ubudala uNowa, ingumhla weshumi elinesixhenxe kwinyanga yesibini xa kwakugqabhuka imithombo yamanzi angaphantsi komhlaba, kuvuleka nemivalo yemisinga esesibhakabhakeni. Yatsho izandyondyo imvula iintsuku ezimashumi mane nobusuku bazo. Ngaloo mini kanye uNowa nomkakhe bangena enqanaweni kunye noonyana babo bobathathu, uShem, noHam, noYafete, kwakunye nabafazi babo. Bangenisa kunye nabo nezilwanyana zonke, ezasekhaya nezasendle, ezinkulu nezimfutshane, nazo zonke iindidi zeentaka. Kweza inkunzi nemazi yazo zonke izinto eziphilayo, zangena apho enqanaweni ngokomyalelo kaThixo. *UNdikhoyo waluvala ucango akungena uNowa. Yatsho izandyondyo imvula iintsuku zamashumi mane, athi ngokuya esanda amanzi ayifunqula inqanawa. Aye enyuka amanzi, yadada phezu kwawo yona inqanawa. Aphakama amanzi, ada agubungela nezona ziphakamileyo iintaba kulo lonke elimiweyo; anyuka ada aziimitha ezisixhenxe ukusuka encochoyini yeentaba. Kwafa yonke into ephilayo elizweni. Kwafa iintaka, kwafa imfuyo, kwafa iinyamakazi, kwafa nabantu. Kwafa yonke into ephefumlayo elizweni. Kwatshatyalaliswa yonke into ephilayo elizweni: abantu, neenyamakazi, neentaka. Kwasala uNowa kunye nabo babesenqanaweni kunye naye. Kwada kwaba likhulu linamashumi mahlanu eentsuku engathothi loo manzi.

IGENESIS 7:1-24 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)

Wathi uYehova kuNowa, Ngena, wena nendlu yakho yonke, emkhombeni; ngokuba ndibona wena ilungisa phambi kwam kwesi sizukulwana. Kwizinto zonke ezizitho zine ezihlambulukileyo, thabatha kuzo zibe sixhenxe, inkunzi nemazi; kwizinto ezizitho zine eziziinqambi ngambini, ngambini, inkunzi nemazi yazo. Nakwiintaka ezisixhenxe zezulu, inkunzi nemazi; ukugcina imbewu iphila kulo lonke ihlabathi. Ndiya kunisa imvula ehlabathini iimini ezimashumi mane nobusuku obumashumi mane; kwaye yonke into ephilayo endayenzayo ndiya kuyitshabalalisa emhlabeni. Wenza uNowa njengoko uYehova wamwiselayo umthetho. uNowa ube eminyaka imakhulu mathandathu ezelwe, oko kunogumbe wagubungela umhlaba. Wangena uNowa emkhombeni, enoonyana bakhe, nomkakhe, nabafazi boonyana bakhe, ndawonye naye, ngenxa yamanzi onogumbe. Kwizinto ezizitho zine ezihlambulukileyo, nakwizinto ezizitho zine eziziinqambi, nakwiintaka, nakwizinto zonke ezinambuzelayo emhlabeni; zangena zombini kuNowa emkhombeni, inkunzi nemazi, njengoko uThixo abemwisele umthetho uNowa. Emva kweentsuku ezisixhenxe amanzi onogumbe abakho ehlabathini. Ngomnyaka wamakhulu amathandathu wokudla ubomi kukaNowa, ngenyanga yesibini, ngosuku lweshumi elinesixhenxe enyangeni leyo, kanye ngayo loo mini yavuleka yonke imithombo yamanzi onogumbe, neengcango zezulu zavuleka. Yana emhlabeni iimini ezimashumi mane nobusuku obumashumi mane. Kwangaloo mini bangena emkhombeni uNowa, uShem, noHam, noYafete, oonyana bakaNowa, nomkaNowa, nabafazi boonyana bakhe abathathu. Ziboneni zonke izinto eziphilileyo ngohlobo lwazo, nezinto zonke ezizitho zine ngohlobo lwazo, nezinambuzane zonke ezinambuzelayo emhlabeni ngohlobo lwazo, neentaka zonke ngohlobo lwazo, neentaka zonke ngohlobo lwazo, iintlobo zabo. Zangena emkhombeni noNowa, ngambini, ngambini, kwinyama yonke enomoya wokuphila. Kwangena inkunzi nemazi kwinyama yonke, kwangena njengoko uThixo abemwisele umthetho. uYehova wamfaka. Unogumbe uya kubakho ehlabathini iintsuku ezimashumi mane; yaye amanzi anda, bawurhuqa umkhombe, bawuphakamisela emhlabeni. Aye enyuka amanzi, aba namandla kakhulu emhlabeni; wazala umkhombe ngamanzi. Amanzi abe phezu kwehlabathi; zazambatha zonke iintaba eziphakamileyo kakhulu, eziphantsi kwamazulu onke. Amanzi abe namandla ziikubhite ezilishumi elinantlanu; zagutyungelwa iintaba. Yonke inyama enyakazelayo emhlabeni iyafa, ezintakeni nakwizilo nakwizilwanyana zasekhaya nakwizinambuzane zonke ezinambuzelayo emhlabeni, nabantu bonke; Iinto zonke ezinomphefumlo wokuphila emathatheni azo, kwiinto zonke ezisemhlabeni owomileyo, zafa. Zonke izinto eziphilileyo ezisehlabathini zatshatyalaliswa, abantu, neenkomo, nezinambuzane, neentaka zezulu; kwaye batshatyalaliswa emhlabeni, kwasala uNowa yedwa nabo babenaye emkhombeni. Amanzi awugubungela umhlaba iintsuku ezilikhulu elinamashumi amahlanu.

IGENESIS 7:1-24 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)

Wada wati UYEHOVA ku‐Nowa: Ngena wena nayo yonke indlu yako enqanaweni; ngokuba wena ndikubonile ulungile ebusweni bam kwesisizukulwana. Kuzo zonke izilo ezicocekileyo wotabatela kuwe ngesixe̔nxe ngesixe̔nxe, inkunzi nemazi yayo; kodwa kuzo izilo ezingacocekileyo wotabata ngazibini, inkunzi nemazi yayo. Nakwintaka zezulu wotabata ngesixe̔nxe ngesixe̔nxe, inkunzi nemazi yayo; kuze kupiliswe inzalo ebusweni bomhlaba wonke. Ngokuba kusentsuku zisixe̔nxe, ndandiya kunisa imvula pezu kwomhlaba, imini zibe mashumi mane, nobusuku bube mashumi mane; nako konke okuhleliyo, endandikwenzile, ndiya kukucita ebusweni bomhlaba wonke. Waza u‐Nowa wenza njengoko konke abemyalele ngako UYEHOVA. Kekaloku u‐Nowa ebeyiminyaka yamakulu matandatu ubudala bake, wakubako umsingakazi wamanzi pezu kwomhlaba. Wandula wangena u‐Nowa, nonyana bake, nomfazi wake, nabafazi bonyana bake kunye naye, enqanaweni, ngenxa yamanzi awo umsingakazi. Kwizilo ezicocekileyo, nakwizilo ezingezizo ezicocekileyo, nakuzo intaka nazo zonke izinto ezinambuzelayo emhlabeni, kwangenwa ngambini ngambini ukuza ku‐Nowa enqanaweni, inkunzi nemazi yayo, kwa njengokuba UTIXO ebemyalele u‐Nowa. Kwaza kwati, emveni kwezontsuku zisixe̔nxe, abako amanzi omsingakazi pezu kwomhlaba. NGOMNYAKA wamakulu matandatu wokudla ubomi kuka‐Nowa, ngenyanga yesibini, ngoweshumi linesixe̔nxe umhla wenyanga, kwa ngomhla lowo yonke imitombo yayo inzulu enkulu yanqikwa, nezituba zezulu zavuleka. Yaibe imvula ibako emhlabeni imini zamashumi mane nobusuku bamashumi mane. Ngokwa nguwo lomhla wangena u‐Nowa, no‐Sheme, no‐Hame, no‐Jafete, onyana baka‐Nowa, nomfazi ka‐Nowa, nabafazi bobatatu bonyana bake kunye nabo, enqanaweni: kwa bona, nazo zonke izilo ngemmilo yazo, nazo zonke inkomo ngemmilo yazo, nazo zonke izinambuzane ezinambuzelayo pezu kwomhlaba ngemmilo yazo, nazo zonke intaka ngemmilo yazo, zonke intakana zamapiko onke. Zaye zingena ku‐Nowa enqanaweni ngambini ngambini, kwinyama yonke ekukuyo umoya wobomi. Zati ezo ezazingena, zangena ziyinkunzi nemazi kuyo yonke inyama, njengokuba UTIXO ebemyalele. Waza UYEHOVA wamvalela. Kekaloku umsingakazi wayimihla yamashumi mane pezu kwomhlaba; ati ke amanzi anda, afunqula inqanawa, yada yapakamela pezulu pezu kwomhlaba. Aza amanzi eyisa, anda nokwanda kakulu pezu kwomhlaba; yaye inqanawa ihamba ebusweni bamanzi. Ada akolisa amanzi ukweyisa kunene, zaza zagujungelwa zonke intaba ezinde ezipantsi kwezulu lonke. Amanzi eyisela ngapezulu ikubite zalishumi linantlanu; zaye zigujungelwa nentaba. Yabuba yonke inyama ebishukuma emhlabeni, eyentaka, eyenkomo, eyezilo, neyazo zonke izinambuzane ezinambuzelayo pezu kwomhlaba; nabo bonke abantu: konke okumpumlo zazinokupefumla kwomoya wobomi, kuko konke okube kusemhlabeni owomileyo, kwafa. Kwaye kucitwa konke okuhleliyo, oko kube kusebusweni bomhlaba, kwa abantu, nenkomo, nezinambuzane, nentaka zezulu; zacitwa emhlabeni: kwaye kusala u‐Nowa yedwa, nabo babenaye enqanaweni. Ati amanzi eyisa pezu kwomhlaba, imihla yalikulu elinamashumi mahlanu.