IGENESIS 39:7-9
IGENESIS 39:7-9 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Kwathi emveni kwezi zinto, umfazi wenkosi yakhe waphosa amehlo akhe kuYosefu, wathi, Ndilale. Wamangala, wathi kumka-nkosi yakhe, Yabona, inkosi yam ayikhathalele nto ikum isendlwini, nezinto zonke enazo izinikele esandleni sam. Akukho bani mkhulu kum kule ndlu; ayinqabisanga nento le kum, nguwe wedwa, ngokokuba ungumkayo; ndingáthini na ke ukwenza obu bubi bukhulu kangaka, ndone kuThixo?
IGENESIS 39:7-9 IBHAYIBHILE (XHO96)
Kwakuba mzuzu umka-Potifare wafikelwa ngumnqweno ngoJosefu, wazicelela isondo kuye. UJosefu wala, esithi: “Inkosi yam ijonge kum, mna Josefu, ngento yonke yayo; ayisazikhathazi nganto, kuba ithembe mna. Yaye indinike lonke igunya emzini wayo; nguwe kuphela endingenagunya kuye. Ke ndingathini mna ukwenza into embi kangako, ndimone uThixo?”
IGENESIS 39:7-9 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Emveni kwezi zinto, umka-nkosi yakhe wakhangela kuYosefu; Wathi, Lala nam. Wala, wathi kumkankosi yakhe, Yabona, inkosi yam ayiyazi into endinayo endlwini, nokuba indinike konke enako; Akukho bani mkhulu kum kule ndlu; kwaye akandichasanga nganto, ngaphandle kwakho, ngenxa yokuba ungumfazi wakhe; Ndothini na ukwenza obu bubi bukhulu kangaka, ndone kuThixo?
IGENESIS 39:7-9 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Kwaye kute emveni kwezizinto, umfazi wenkosi yake wajolisa amehlo ake ngaku‐Josefe; wati: Uz’ undilale! Koko walayo, wati emfazini wenkosi yake: Bona ke, inkosi yam ayikwazi oko kukum endlwini; nako konke inako ikunikele esandleni sam. Akuko mntu kulendlu omkulu kum; yayingabambanga nto kum, kupela wena, ngokokuba ungumfazi wayo; ndingati nina ke ukwenza obububi bukulu, ndone ngakuye UTIXO?