IGENESIS 39:1-23
IGENESIS 39:1-23 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Ke kaloku uYosefu wahliswa wasiwa eYiputa. UPotifare, umbusi wakwaFaro, umthetheli wabasiki, umYiputa, wamthenga kumaIshmayeli, abemhlisele khona. UYehova waba naye uYosefu, waba yindoda enempumelelo; waba sendlwini yenkosi yakhe, umYiputa lowo. Yabona inkosi yakhe ukuba uYehova unaye, ukuba zonke izinto abezenza, uYehova ubezenza zibe nempumelelo esandleni sakhe. UYosefu wababalwa emehlweni ayo, wayilungiselela; yamenza umveleli wendlu yayo, neento zonke ebinazo yazinikela esandleni sakhe. Kwathi, ukususela ekubeni yamenza umveleli wendlu yayo neento zonke ebinazo, wayisikelela uYehova indlu yomYiputa lowo ngenxa kaYosefu. Yabakho intsikelelo kaYehova ezintweni zonke ebinazo, endlwini nasezindle. Zonke izinto ebinazo yaziyekela esandleni sikaYosefu, ayakhathalela nanye into ebikuye, ingesiso isonka esidlayo. Ke uYosefu ebemhle isiqu, emhle imbonakalo. Kwathi emveni kwezi zinto, umfazi wenkosi yakhe waphosa amehlo akhe kuYosefu, wathi, Ndilale. Wamangala, wathi kumka-nkosi yakhe, Yabona, inkosi yam ayikhathalele nto ikum isendlwini, nezinto zonke enazo izinikele esandleni sam. Akukho bani mkhulu kum kule ndlu; ayinqabisanga nento le kum, nguwe wedwa, ngokokuba ungumkayo; ndingáthini na ke ukwenza obu bubi bukhulu kangaka, ndone kuThixo? Kwathi, nakuba ebethetha kuYosefu imihla ngemihla, akamphulaphula yena ukuba alale ecaleni lakhe, nokuthi abe naye. Kwathi kuloo mihla, wangena endlwini eya kusebenza umsebenzi wakhe; kwaye kungekho nanye yakumadoda endlu endlwini apho. Wambamba ngengubo wathi, Ndilale. Wayishiya ingubo yakhe esandleni sakhe, wabaleka, waphumela phandle. Kwathi, akubona ukuba uyishiyile ingubo yakhe esandleni sakhe, ubalekele phandle, wabiza amadoda endlu yakhe, wathetha kuwo, esithi, Khangelani, úsizisele indoda engumHebhere, ukuba idlale ngathi; izile kum, isiza kundilala, ndakhala ngezwi elikhulu; yathi, yakuva ndiphakamisa izwi, ndikhala, yayishiya ingubo yayo ecaleni lam, yabaleka, yaphumela phandle. Wayibeka phantsi ingubo yayo ecaleni lakhe, yada yafika inkosi yakhe endlwini yayo. Wathetha kuyo ngokwaloo mazwi esithi, Sizé kum isicaka esingumHebhere, esi usizisele sona, ukuba sidlale ngam; kuthe, ndakuliphakamisa izwi lam, ndikhala, sayishiya ingubo yaso ecaleni lam, sabalekela phandle. Ithe, yakuweva inkosi yakhe amazwi omkayo awawathethayo kuyo, esithi, Senjenje isicaka sakho kum, wavutha umsindo wayo. Inkosi kaYosefu yamthabatha, yamfaka entolongweni, kuloo ndawo apho amakhonkxwa okumkani abekhonkxwa khona, waba sentolongweni apho ke. UYehova ubenoYosefu, wamthobela inceba, wenza ukuba athandwe ngumphathi wentolongo. Umphathi wentolongo wawanikela kuYosefu onke amakhonkxwa asentolongweni, ukuze zonke izinto ezisukuba zisenziwa khona, abe nguye ozenzayo. Umphathi wentolongo akakhathalelanga nto isesandleni sakhe, ngenxa yokuba uYehova ubenaye; zonke izinto ebesakuzenza, uYehova ubeziphumelelisa.

IGENESIS 39:1-23 IBHAYIBHILE (XHO96)
Ke kaloku amaIshmayeli aya naye eJiputa uJosefu, afika amthengisa kuPotifare, owayengomnye wamaphakathi okumkani waseJiputa, owayenguyena nduna yabalindi basebhotwe. *UNdikhoyo waba naye uJosefu, wamphumeza kwinto yonke. Wayehlala endlwini yenkosi yakhe yomJiputa, eyaqondayo ukuba uJosefu wayephantsi kogcino lukaNdikhoyo, yaye yayinesandla sikaNdikhoyo yonke into ayenzayo. Wakholiseka nguJosefu uPotifare, wamenza intonga yakhe yasekhosi. Ngoko ke wamenza induna yomzi wakhe nomlawuli wempahla yakhe yonke. Ukususela ngoko uNdikhoyo wawuthamsanqelisa umzi waloo mJiputa, kunye nemfuyo yakhe, namasimi akhe, nayo yonke into awayenayo, ngenxa kaJosefu. Yonke into yakhe ke uPotifare wayinikela elulawulweni lukaJosefu, akwabikho nto yimbi azikhathaza ngayo ngaphandle nje kokuthatha icephe atye. UJosefu wayemile kakuhle, eyinzwana yomfana. Kwakuba mzuzu umka-Potifare wafikelwa ngumnqweno ngoJosefu, wazicelela isondo kuye. UJosefu wala, esithi: “Inkosi yam ijonge kum, mna Josefu, ngento yonke yayo; ayisazikhathazi nganto, kuba ithembe mna. Yaye indinike lonke igunya emzini wayo; nguwe kuphela endingenagunya kuye. Ke ndingathini mna ukwenza into embi kangako, ndimone uThixo?” Naxa wazingayo lo mfazi ukucela isondo kuJosefu mihla le, uJosefu yena wala ukuyenza loo nto. Kwathi ngenye imini, uJosefu engene endlwini kaPotifare, eye kusebenza, wafika kungekho nasinye isicaka. Umka-Potifare wambamba, emtsala ngengubo, wathi: “Yiza kaloku!” Kodwa waphuncula uJosefu, wabalekela ngaphandle, washiya loo ngubo yakhe eyiphethe ngesandla loo mfazi. Uthe loo mfazi akuphawula ukuba uJosefu uyishiyile ingubo yakhe, wabalekela ngaphandle, wabiza izicaka zakhe, wazibonisa loo ngubo. Watsho esithi: “Laa mHebhere ungeniswe ngumyeni wam emzini wam uyasihlazisa, kuba ungene egumbini lam efuna ukundidlwengula. Kodwa mna ndizincede ngokutsho esikrakra esi isikhalo. Wothuswe seso sikhalo, wabalekela ngaphandle, eshiya loo ngubo yakhe ngakum.” Wayigcina ke loo ngubo kaJosefu kwada kwabuya inkosi yakhe. Ithe yakufika nayo wayenzela eli bali: “Laa mHebhere umngenise ekhaya apha ungene egumbini lam, efun' ukundihlazisa. Ndizincede ngokutsho esikrakra sona isikhalo, ukuze abalekele ngaphandle. Washiya nale ngubo yakhe ngakum.” Waqumba kakhulu uPotifare akuyiva loo nto ithethwa ngumkakhe, wathi uJosefu makabanjwe, avalelwe entolongweni ekwakuvalelwa kuyo amabanjwa kakumkani. Wahlala apho. Kodwa nalapho uNdikhoyo waba ngakuJosefu, wamthamsanqelisa, watsho wathandwa ngujela. Ujela wamnyusela uJosefu, wangumphathi wamanye amabanjwa. Yonke into eyenziwa entolongweni yajonga yena. UNdikhoyo wamphumeza uJosefu kangangokude ujela angabi sajongana nemisebenzi eyayijongwe nguJosefu, kuba uNdikhoyo wayemthamsanqelisa.
IGENESIS 39:1-23 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
uYosefu wehliswa wasiwa eYiputa; uPotifare, umphathiswa wabasiki, umYiputa, wamthenga esandleni samaIshmayeli, abemhlisele khona. uYehova waba naye uYosefu, waba yindoda enempumelelo; waba sendlwini yenkosi yakhe, umYiputa. Yabona inkosi yakhe ukuba uYehova unaye, nokuba yonke into abeyenza, uYehova ubemphumelelisa esandleni sakhe. uYosefu wababalwa emehlweni ayo, wayilungiselela; wamenza umveleli wendlu yakhe, neento zonke ebinazo wazinikela esandleni sakhe. Ukususela ekummiseleni kwakhe ukuba abe ngumgcini wendlu yakhe nezinto zonke anazo, uYehova wayisikelela indlu yomYiputa lowo ngenxa kaYosefu; yaye intsikelelo kaYehova yaba kuyo yonk’ into awayenayo endlwini nasemasimini. Zonke izinto ebinazo wazishiya esandleni sikaYosefu; ubengayazi ke into abeza kuyifumana, ingesiso isonka esidlileyo. Yaye uYosefu wayeyinzwana, indoda enomtsalane. Emveni kwezi zinto, umka-nkosi yakhe wakhangela kuYosefu; Wathi, Lala nam. Wala, wathi kumkankosi yakhe, Yabona, inkosi yam ayiyazi into endinayo endlwini, nokuba indinike konke enako; Akukho bani mkhulu kum kule ndlu; kwaye akandichasanga nganto, ngaphandle kwakho, ngenxa yokuba ungumfazi wakhe; Ndothini na ukwenza obu bubi bukhulu kangaka, ndone kuThixo? Wathi ethetha noYosefu imihla ngemihla, akamphulaphula uYosefu ukuba alale naye, nokuba abe naye. Ngelo xesha uYosefu wangena endlwini eya kusebenza umsebenzi wakhe; kwaye kungekho nanye indoda yaloo ndlu. Wambamba ngengubo, wathi, Lala nam; wayishiya ingubo yakhe esandleni sakhe, wabaleka, wamkhuphela phandle. Wathi akubona ukuba uyishiyile ingubo yakhe esandleni sakhe, wabaleka wemka. Wabiza amadoda endlu yakhe, wathetha kuwo, wathi, Yabonani, usizisele umHebhere ukuba adlale ngathi; weza kum ezolala nam, ndakhwaza ngelizwi eliphakamileyo. Wathi akuva ukuba ndiphakamise ilizwi ndikhwaza, wayishiya ingubo yakhe ecaleni kwam, wabaleka, wamkhuphela phandle. Yambatha ingubo yayo phezu kwakhe, yada yafika inkosi yakhe endlwini. Wathetha kuye ngokwala mazwi, wathi, Uze umkhonzi ongumHebhere lowo usizisele kuthi, ukuba enze intlekisa ngam. Ndathi ndakuliphakamisa ilizwi lam ndikhwaza, wayishiya ingubo yakhe ecaleni kwam, wabaleka. Yathi yakuweva inkosi yakhe amazwi omfazi wayo, yamxelela, yathi: “Ikhobokazana lakho lindenze le nto; ukuze uvuthe umsindo wakhe. Ukumkani kaYosefu wamthabatha, wamfaka entolongweni, endaweni abekhonkxwa kuyo amabanjwa okumkani; waye entolongweni apho. uYehova waba naye uYosefu, waba nemfesane kuye, waba nemfesane kuye emehlweni omgcini-ntolongo. Umgcini wababanjwa wabanikela esandleni sikaYosefu onke amabanjwa abesentolongweni; kwaye nantoni na ababeyenza apho, wayeyenza. Umgcini wababanjwa wayengaboni nto esandleni sakhe; ngokuba uYehova ubenaye, nento awayenzayo uYehova wayiphumelelisa.
IGENESIS 39:1-23 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
KEKALOKU u‐Josefe wabehliselwe e‐Jipete; waza u‐Potifare, umbusi ka‐Faro, inkosi yomlisela, indoda engum‐Jipete, wamtenga esandleni sama‐Shimayeli, abemhlisele kona. Waza UYEHOVA wanaye u‐Josefe, wada waba yindoda enokutamsanqeleka; waye esendlwini yenkosi yake, yom‐Jipete. Yabona inkosi yake ukuba UYEHOVA unaye, nokuba konke akwenzayo, UYEHOVA uyatamsanqelekisa kona esandleni sake. Wandula u‐Josefe wafumana ufefe emehlweni ayo, wayikonza: kanjako yamongamisa pezu kwendlu yayo, nako konke ibinako yakunikela esandleni sake. Kwaza kwati kuseloko yabimongamisa pezu kwendlu yayo, napezu kwako konke inako, watamsanqela UYEHOVA indlu yom‐Jipete ngenxa yake u‐Josefe; lide labako itamsanqeliso LIKAYEHOVA pezu kwako konke inako, endlwini nasendle. Yabishiya konke inako esandleni sika‐Josefe; yayingayazi nanto ebikuye, kupela isonka eyasityayo. Kekaloku u‐Josefe ubemhle isimilo sake, wamhle nokubonakala kwake. Kwaye kute emveni kwezizinto, umfazi wenkosi yake wajolisa amehlo ake ngaku‐Josefe; wati: Uz’ undilale! Koko walayo, wati emfazini wenkosi yake: Bona ke, inkosi yam ayikwazi oko kukum endlwini; nako konke inako ikunikele esandleni sam. Akuko mntu kulendlu omkulu kum; yayingabambanga nto kum, kupela wena, ngokokuba ungumfazi wayo; ndingati nina ke ukwenza obububi bukulu, ndone ngakuye UTIXO? Kwaye kute, akuteta no‐Josefe imihla ngemihla, akampulapulanga noko ukuba alale ngakuye, nokuba abe ndawonye naye. Kwada kwati ngomhla otile, wangena u‐Josefe endlwini ukuze awenze umsebenzi wake; kwaye kungeko kona endlwini nanye emadodeni endlu. Waza wambamba ngengubo yake, esiti: Uz’ undilale! Koko washiya ingubo yake esandleni sake, wabaleka, wapuma ngapandle. Kwaza kwati, akubona ukuba ushiyile ingubo yake esandleni sake, nokuba ubalekele pandle, wabiza amadoda endlu yake, watsho kuwo esiti: Bonani ke, inkosi ingenisile kuti indoda engum‐Hebere, ukuba idlale ngati; yangena kum ukuza kulala nam, ndaza ndakala ngelizwi elikulu: kwaza kwati, yakuva ukuba ndipakamisile ilizwi lam, ndakala, yaselishiya ingubo yayo ngakum, yabaleka, yapuma ngapandle. Waye ingubo yayo wayibekela ngakuye, ide yafika inkosi yayo ekaya. Wandula wateta nayo kwa njengalamazwi, esiti: Sangena kum isicaka esingum‐Hebere, eso wabusizisa kuti, ukuza kudlala ngam: kwaza kwati, ndakupakamisa ilizwi lam, ndakala, sasesishiya ingubo yaso ngakum, sabalekela pandle. Kwaye kute, nxa ibivile inkosi yaso amazwi omfazi wayo, lawo wawateta kuyo, esiti: Kunjengalamazwi senzile kum isicaka sako; wandu ukuvuta umsindo wayo. Yaza inkosi ka‐Josefe yamtabata, yamfaka entolongweni, endaweni ababanjwa bokumkani babebanjelwe kuyo: wayekona ke entolongweni apo. Kuloko UYEHOVA ebenaye u‐Josefe, wamjikisela ububele, wamnika ufefe emehlweni ake umpati wentolongo. Waza umpati wentolongo wanikela esandleni sika‐Josefe bonke ababanjwa ababesentolongweni: nako konke babekwenza kona, kwakusenzwa nguye. Umpati wentolongo ebengakangeli nanye into epantsi kwesandla sake, ngenxa yokuba UYEHOVA ebenaye; nako konke abekwenza, UYEHOVA wakutamsanqelekisa.