IGENESIS 3:8-9
IGENESIS 3:8-9 IBHAYIBHILE (XHO96)
Emva koko beva isandi sokuhamba kukaThixo uNdikhoyo emyezweni ukujika kwelanga. Bazimela ematyholweni emyezweni apho. UNdikhoyo uThixo wayibiza indoda, wathi: “Ùphi?”
IGENESIS 3:8-9 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Baliva izwi likaYehova uThixo, ekuhambeni kwakhe emyezweni, kwakuba pholileyo; bazímela uAdam nomkakhe ebusweni bukaYehova uThixo, phakathi kwemithi yomyezo. uYehova uThixo wambiza umntu, wathi kuye, Uphi na?
IGENESIS 3:8-9 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Basiva isandi sikaYehova uThixo, ehamba emyezweni empepheni yasemini; basuka bazimela uAdam nomkakhe ebusweni bukaYehova uThixo, phakathi kwemithi yomyezo. UYehova uThixo wambiza uAdam, wathi kuye, Ùphi na?
IGENESIS 3:8-9 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Kwaye kute ekubeteni kwempepo, baliva ilizwi LIKAYEHOVA UTIXO, ehamba emyezweni: baza u‐Adame nomfazi wake bazimela ubuso BUKAYEHOVA UTIXO, pakati kwemiti yomyezo. Waye UYEHOVA UTIXO embiza u‐Adame, wati kuye: Upina?