IGENESIS 26:1-5
IGENESIS 26:1-5 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Kwabakho indlala ezweni, ngaphandle kweyokuqala indlala, eyayikho ngemihla ka-Abraham; waya uIsake uAbhimeleki, ukumkani wamaFilisti, eGerare. UYehova wabonakala kuye, wathi, Musa ukuhla uye eYiputa; yima ezweni endiya kukuxelela lona. Phambukela kweli zwe. Ndoba nawe, ndikusikelele; kuba ndiya kuwanika wena nembewu yakho onke la mazwe, ndisimise isifungo endasifungayo kuAbraham uyihlo; ndiyàndise imbewu yakho njengeenkwenkwezi zezulu, ndiyinike imbewu yakho onke la mazwe, zisikelelwe ngembewu yakho zonke iintlanga zehlabathi; ngenxa enokuba uAbraham waliphulaphulayo izwi lam, wasigcina isigxina sam, nemithetho yam, nemimiselo yam, nemiyalelo yam.
IGENESIS 26:1-5 IBHAYIBHILE (XHO96)
Kwafika indlala kwelo zwe, ngaphandle kwaleya yakhe yabakho ngexesha lika-Abraham. UIsake ke waya kuAbhimeleki, ukumkani wamaFilistiya, owayemi eGerare. *UNdikhoyo wavela ephupheni kuIsake esithi: “Uze ungayi eJiputa; yima kumhlaba endithi hlala kuwo. Uze uhlale apha; ndoba nawe, ndikuthamsanqelise. Lo wona umhlaba uza kuwuma nenzala yakho. Isifungo endasenza kuyihlo ndiza kusifezekisa. Inzala yakho iza kuba ngangeenkwenkwezi ezisesibhaka-bhakeni, ndiyinike wonke lo mhlaba. Zonke iintlanga ziya kuthamsanqeliswa ngenzala yakho. Ndiza kukuthamsanqelisa, kuba uyihlo uAbraham wandithobela, wahamba ngokwemithetho nemiyalelo yam.”
IGENESIS 26:1-5 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Kwabakho indlala ehlabathini, ngaphandle kweyokuqala indlala eyabakho ngexesha lika-Abraham. Waya uIsake eGerare, kuAbhimeleki, ukumkani wamaFilisti. uYehova wabonakala kuye, wathi, Musa ukuhla uye eYiputa; hlala ezweni endiya kukuxelela lona. Hlala ungumphambukeli kweli lizwe; ndoba nawe, ndikusikelele; ngokuba ndiya kukunika wena nembewu yakho onke la mazwe, ndisimise isifungo endasifungayo kuAbraham uyihlo; ndiya kuyandisa ndiyandise imbewu yakho njengeenkwenkwezi zezulu, ndinike imbewu yakho onke la mazwe; zisikeleleke ngembewu yakho zonke iintlanga zehlabathi; Ngenxa yokuba uAbraham waliphulaphula ilizwi lam waza wawugcina umyalelo wam, imiyalelo yam, imimiselo yam nemithetho yam.
IGENESIS 26:1-5 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
KWAYE kuko indlala kwelozwe, ngapandle kweyokuqala indlala, ebiko semihleni ka‐Abrahame. Ngako u‐Yisake waya ku‐Abimeleki, ukumkani wama‐Filistiya, e‐Gerari. Waza UYEHOVA wabonakala kuye, wati: Ungehli ukuya e‐Jipete; hlala elizweni endiya kukuxelela lona. Hlala njengowasemzini kwelilizwe, ndize ndibe nawe, ndikutamsanqele: ngokuba kwa kuwe, nakwinzalo yako, ndiya kunika onke lamazwe; nesifungo endandifunga ngaso ku‐Abrahame uyihlo ndiya kusimisa. Ndandiya kwandisa inzalo yako njengenkwenkwezi zezulu, ndinike nokunika kwinzalo yako onke lamazwe: zoda zitanyusanqeliswe ngayo inzalo yako zonke izizwe zomhlaba; ngenxa yokuba epulapule u‐Abrahame ilizwi lam, wagcina ingxelo yam, imiyalelo yam, imimiso yam, nemiteto yam.