UHEZEKILE 9:3-4
UHEZEKILE 9:3-4 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Ubuqaqawuli bukaThixo kaSirayeli baye bunyuka, busuka ekerubhini• obebuphezu kwayo, baya emnyango wendlu. Wamemeza endodeni eyambethe ilinen emhlophe, enezinto zokubhala ethangéni layo. Wathi uYehova kuyo, Canda esazulwini somzi, esazulwini seYerusalem, ubeke uphawu emabunzini amadoda agcumayo, ancwinayo ngenxa yamasikizi onke awenzekayo esazulwini sayo.
UHEZEKILE 9:3-4 IBHAYIBHILE (XHO96)
Ubuqaqawuli bukaThixo bafunquka phezu *kwesithunywa esimaphiko apho babukhona, baza beza kuthi zinzi emgubasini wendlu kaThixo. Waza ke uNdikhoyo wamyalela umfo onxibe ilinen enezixhobo zakhe zokubhala, wathi: “Tyhutyha isixeko saseJerusalem, ubaphawule ebunzi abo bawanyanyayo amanyundululu enziwa khona.”
UHEZEKILE 9:3-4 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ubuqaqawuli bukaThixo kaSirayeli benyuka busuka kwiikherubhi eziphezu kwayo baya emnyango wendlu. Wabiza indoda eyambethe ilinen emhlophe, enophondo lombhali ecaleni layo; Wathi uYehova kuyo, Yiya esazulwini somzi, esazulwini seYerusalem, ubeke uphawu emabunzini abantu abancwinayo, abakhalayo ngenxa yamasikizi onke awenzekayo phakathi kwayo.
UHEZEKILE 9:3-4 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Baye ubungcwalisa BOTIXO wo‐Sirayeli bebunyukile kuyo ikerubime, obube bupezu kwayo, baya emnyango wendlu. Waza wabiza kuyo indoda ebivete izivato zeqiya, ebinopondo lweyinke lwomba̔li ngasesinqeni sayo. Wati UYEHOVA kuyo: Canda pakati kwesixeko, pakati kwe‐Yerusaleme, ubeke upau pezu kwamabunzi alomadoda agulayo nabefunyekayo pezu kwazo zonke izinto ezibuntshontsho ezenzwayo pakati kwaso.