UHEZEKILE 7:4
UHEZEKILE 7:4 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Aliyi kuba nanceba kuwe iliso lam, ndingakucongi; ke ndiya kukuzisela iindlela zakho, abe sesazulwini sakho amasikizi akho; názi ukuba ndinguYehova.
Share
Funda UHEZEKILE 7UHEZEKILE 7:4 IBHAYIBHILE (XHO96)
Andiyi kuba naluvelwano, ndingayi kuba nayo nenceba, koko ndiya kukubuyekeza ngenxa yezenzo zakho, uchanwe ngamanyundululu akho. Uya kutsho uqonde ukuba ndinguNdikhoyo.
Share
Funda UHEZEKILE 7UHEZEKILE 7:4 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Aliyi kuba nanceba kuwe iliso lam, ndingakucongi; ke ndiya kuzibuyisela phezu kwakho iindlela zakho, abe phakathi kwakho amasikizi akho; nazi ukuba ndinguYehova.
Share
Funda UHEZEKILE 7UHEZEKILE 7:4 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Iliso lam aliyi kuba nosizi ngakuwe, andiyi kuba nenceba kanjalo; koko imikwa yako ndiya kuyibeka pezu kwako, nezinto zako ezibuntshontsho zoba pakati kwako; naniya kukwazi okokuba mna ndi NGUYEHOVA.
Share
Funda UHEZEKILE 7