UHEZEKILE 3:20
UHEZEKILE 3:20 IBHAYIBHILE (XHO96)
“Kwakhona ukuba umntu olilungisa uthe waphambuka kubulungisa bakhe, wenza isono, ndaza ndambeka emngciphekweni, uya kufa. Ewe, ukuba akumnqandanga uya kufela isono sakhe, nemisebenzi yakhe yobulungisa ilityalwe. Ke lona ityala lokufa kwakhe ndolixhoma phezu kwakho.
UHEZEKILE 3:20 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Ke, lakubuya ebulungiseni balo ilungisa, lenze ngobugqwetha, ndibeke isikhubekiso phambi kwalo; lofa lona; xa uthe akwalivuselela, lofa ngenxa yesono salo, bungàkhunjulwa ubulungisa balo elabenzayo; kodwa lona igazi lalo ndolibiza esandleni sakho.
UHEZEKILE 3:20 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Kananjalo, ukuba lithe ilungisa libuya ebulungiseni balo, lenza okungendawo, ndibeke isikhubekiso phambi kwalo, liya kufa; ngokuba ungamlumkisanga, wofa ngenxa yesono sakhe, nangenxa yobulungisa bakhe abenzileyo abayi kukhunjulwa; ke igazi lakhe ndolibiza esandleni sakho.
UHEZEKILE 3:20 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Kanjalo, akuguquka olungileyo ekulungeni kwake, enze ubumenemene, ndandule ndibeke isiku̔bekiso pambi kwake, yena uya kufa: ngokuba ungamyalanga, uya kufa esonweni sake, nezenzo zake ezilungileyo azenzileyo, zona azisayi kukunjulwa; negazi lake ndolibiza esandleni sako.