IEKSODUS 6:1-12

IEKSODUS 6:1-12 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)

Wathi uYehova kuMoses, Úya kukubona ngoku endiya kukwenza kuFaro, kuba ùya kubandulula, abagxothe ezweni lakhe ngesandla esithe nkqi. Wathetha uThixo kuMoses, wathi kuye, NdinguYehova: ndabonakala kuAbraham nakuIsake nakuYakobi ngelokuba nguThixo uSomandla; ke ngegama lam lokuba nguYehova àndazekanga kubo. Kananjalo ndawumisa nabo umnqophiso wam wokuba ndibanike ilizwe lakwaKanan, ilizwe lokuphambukela kwabo ábaphambukela kulo. Kananjalo ndikuvile mna ukugula koonyana bakaSirayeli abakhonziswayo ngamaYiputa, ndawukhumbula umnqophiso wam. Yithi ngoko koonyana bakaSirayeli, ndinguYehova: ndiya kunikhupha phantsi kwemithwalo yamaYiputa, ndinihlangule enkonzweni yawo, ndinihlawulele, ndinikhulule ngengalo eyolukileyo, nangezigwebo ezikhulu; ndinithàbathe nibe ngabantu bam, ndibe nguThixo wenu; nazi ukuba ndinguYehova uThixo wenu, onikhuphayo phantsi kwemithwalo yamaYiputa; ndiningènise ezweni endaphakamisa isandla sam ngalo, ukuba ndilinike uAbraham noIsake noYakobi; ndiya kulinika nina, libe lilifa: ndinguYehova. Watsho ke uMoses koonyana bakaSirayeli; abamphulaphulanga uMoses, ngenxa yokukhathazeka, nangenxa yomsebenzi onzima. Wathetha uYehova kuMoses, wathi, Yiya uthethe kuFaro ukumkani waseYiputa, abandulule oonyana bakaSirayeli, baphume ezweni lakhe. UMoses wathetha phambi koYehova, wathi, Yabona, oonyana bakaSirayeli abandiphulaphulanga; wòthini na ke uFaro ukundiphulaphula, ndingomlomo ungalukanga nje?

IEKSODUS 6:1-12 IBHAYIBHILE (XHO96)

Wathi ke uNdikhoyo kuMosis: “Uza kuyibona ke ngoku into endiza kuyenza kukumkani waseJiputa. Ngamandla am ndomnyanzela abakhulule aba bantu; enyanisweni ndiza kumenza abagxothe ngokwakhe emhlabeni wakhe.” UThixo wathetha noMosis wathi: “*NdinguNdikhoyo. Ndabonakala kuAbraham nakuIsake nakuYakobi njengoThixo uSomandla, kodwa ke andizange ndizazise kubo ngegama lam uNdikhoyo. Ngaphezu koko ndênza umnqophiso nabo, ndathi ndobanika ilizwe laseKanana, apho boma khona baxhwarhe okwabahambi. Ngoku ke ndisivile isingqala samaSirayeli ngenxa yokukhotyozwa ngamaJiputa, ndaye ke ndiwukhumbule loo mnqophiso. Ngoko ke yithi kumaSirayeli: ‘NdinguNdikhoyo, ndaye ke ndiza kunikhupha kwingcinezelo yamaJiputa, ndinikhulule kwiimbophelelo zawo. Ndiya kunihlangula ngesandla esigadalala nangezigwebo ezingqongqo. Ndiya kunenza abantu bam, mna ndibe nguThixo wenu. Nani ke niya kuqonda ukuba mna Ndikhoyo ndinguThixo wenu onikhulule ebukhobokeni eJiputa. Ndiya kunikhokela, ndinise kwilizwe endafungayo ukuba ndolinika uAbraham, uIsake, noYakobi. Ndiya kunipha lona, libe lelenu; kaloku mna ndinguNdikhoyo.’ ” La mazwi uMosis wawaxela kumaSirayeli, kodwa ngenxa yokudakumba nangenxa yenkohlakalo yasebukhobokeni akamphulaphulanga. Wathi ke uNdikhoyo kuMosis: “Hamba uye kukumkani waseJiputa, uthi ndithi kuye makawakhulule amaSirayeli, aphume emhlabeni wakhe.” UMosis waphendula wathi: “Njengokuba engandiphulaphuli nje amaSirayeli, uya kundiphulaphula njani ke ukumkani? Ibe ke andililo naciko.”

IEKSODUS 6:1-12 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)

Wathi uYehova kuMoses, Uya kukubona ngoku endiya kukwenza kuFaro, kuba uya kubakhulula ngesandla esithe nkqi, abagxothe ezweni lakhe ngesandla esithe nkqi. Wathetha uThixo kuMoses, wathi kuye, NdinguYehova. Ndazibonakalisa kuAbraham, nakuIsake, nakuYakobi, egameni loThixo uSomandla; ke ngegama lam lokuba uYehova andazekanga kubo. Kananjalo ndawumisa nabo umnqophiso wam wokuba ndibanike ilizwe lakwaKanan, ilizwe lokuphambukela kwabo abaphambukela kulo. Kananjalo ndeva indumiso yoonyana bakaSirayeli, abakhonziswayo ngamaYiputa; ndawukhumbula umnqophiso wam. Ngako oko yithi koonyana bakaSirayeli, NdinguYehova, ndiya kunikhulula emithwalweni yamaYiputa, ndinihlangule ebukhobokeni bawo, ndinihlangule ngesandla esolukileyo, nangesandla esikhulu. Izigqibo: Ndiya kunithabatha nibe ngabantu bam, mna ndibe nguThixo wenu; nazi ukuba ndinguYehova uThixo wenu onikhuphayo phantsi kwemithwalo yamaYiputa; ndinise ezweni endaphakamisa isandla sam ngalo, ukuba ndilinike uAbraham noIsake noYakobi; ndiya kuninika lona, libe lilifa lenu: ndinguYehova. uMoses wathetha wenjenje koonyana bakaSirayeli, abamphulaphulanga uMoses ngenxa yomphefumlo obuhlungu, nangenxa yomsebenzi onzima. Wathetha uYehova kuMoses, esithi: Ngena uthethe kuFaro, ukumkani waseYiputa, ukuba abandulule oonyana bakaSirayeli ezweni lakhe. Wathetha uMoses phambi koYehova, wathi, Yabona, oonyana bakaSirayeli abandiphulaphulanga; Wothini na ke uFaro ukundiphulaphula, omlomo ungalukanga?

IEKSODUS 6:1-12 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)

Waza UYEHOVA wati ku‐Mosesi: Kaloku uya kubona oko ndiya kukwenza ku‐Faro; ngokuba ngesandla esinamandla eya kubandulula, nangesandla esinamandla eya kubagxota elizweni lake. WABUYA wateta UTIXO ku‐Mosesi, wati kuye: Mna ndi NGUYEHOVA. Ndabonakala ku‐Abrahame, ku‐Yisake, naku‐Yakobi, ngokuba NGUTIXO onamandla onke; kodwa ngegama lam eli NGUYEHOVA, bendingazeki kubo. Kanjalo ndilumisile ucebano lwam nabo, lwokuba ndibape ilizwe le‐Kanane, ilizwe lokupambukela kwabo, elo babengabasemzini kulo. Nakanjalo ndikuvile ukugula kwosapo luka‐Sirayeli, olukonzisiweyo ngama‐Jipete; nocebano lwam ndilukumbule. Yiti ke ngoko elusatsheni luka‐Sirayeli: Mna ndi NGUYEHOVA; ndonipumisa kwa pantsi kwemitwalo yama‐Jipete, ndinihlangule nasebukonzini bawo; ndandiya kunikulula ngengalo eyolulweyo, nangemigwebo emikulu; ndoti kanjalo ndinitabate nibe ngabantu kum, ndize mna ndibe NGUTIXO kuni; naniya kukwazi ukuba ndi NGUYEHOVA, UTIXO wenu, onipumisayo kwa pantsi kwemitwalo yama‐Jipete. Ndandiya kunizisa kwelozwe, endandipakamisa isandla sam ukuba ndilinike ku‐Abrahame, ku‐Yisake, naku‐Yakobi; lona ndolinika kuni libe lilifa: mna ndi NGUYEHOVA. Waza u‐Mosesi wateta ngokunjalo elusatsheni luka‐Sirayeli; kuloko belungampulapuli u‐Mosesi, ngenxa yokucapuka kwomoya, nangenxa yenkonzo elukuni. Wabuya wateta UYEHOVA ku‐Mosesi, esiti: Yiya utete ku‐Faro ukumkani we‐Jipete, ukuba andulule usapo luka‐Sirayeli ezweni lake. Koko u‐Mosesi wateta ebusweni BUKAYEHOVA, esiti: Bona ke, usapo luka‐Sirayeli alundipulapulanga; woti nina ngoko ukundipulapula u‐Faro, ndingomlomo ungalukanga nje?