IEKSODUS 4:11-12
IEKSODUS 4:11-12 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Wathi uYehova kuye, Ngubani na obeké umlomo emntwini? Ngubani na owenzé isidenge, nesithulu, nobonayo, nemfama? Asindim na, mna Yehova? Ngoko ke hamba, ndoba nomlomo wakho mna, ndikubonise into oya kuyithetha.
IEKSODUS 4:11-12 IBHAYIBHILE (XHO96)
UNdikhoyo ke wathi kuye: “Kanti ngubani owenza umntu akwazi ukuthetha; ingubani omenza angakwazi, okanye abe sisithulu? Ngubani omenza abone, okanye abe yimfama? Asindim na, mna Ndikhoyo? Hayi bo! Hamba, kaloku ndiya kukunceda ukwazi ukuthetha, ndiya kukufundisa oko ufanele ukukuthetha.”
IEKSODUS 4:11-12 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Wathi uYehova kuye, Ngubani na obeke umlomo emntwini? Ngubani na osisimumu okanye osisithulu okanye obonayo okanye oyimfama? Andinayo na iNkosi? Hamba ngoku, ndoba nomlomo wakho mna, ndikubonise into oya kuyithetha.
IEKSODUS 4:11-12 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Waye UYEHOVA esiti kuye: Ngubanina omenzele umntu umlomo? ngubanina owenza isidenge, nesitulu, nobonayo, nemfama? asi ndim YEHOVA yinina? Ize uhambe ke, ndandiya kuba nawo umlomo wako, ndikufundise into uya kuteta yona.