IEKSODUS 20:4-5
IEKSODUS 20:4-5 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Uze ungazenzeli umfanekiso oqingqiweyo, nokuba ngowayiphi na into emilise esezulwini phezulu, nesemhlabeni phantsi, nesemanzini aphantsi komhlaba. Uze ungaqubudi kwezo nto, ungazikhonzi: kuba mna, Yehova Thixo wakho, ndinguThixo onekhwele, ndibuvelela ubugwenxa booyise koonyana, kwesesithathu nakwesesiné isizukulwana sabandithiyileyo
IEKSODUS 20:4-5 IBHAYIBHILE (XHO96)
“Ungaze uziqingqele umfanekiso wothixo, nditsho nokuba ngowantoni na esesibhakabhakeni phezulu, okanye esemhlabeni phantsi, okanye nokuba yeyasemanzini aphantsi komhlaba. Ungaze ukhahlele unqule umfanekiso oqingqiweyo; kuba mna Ndikhoyo Thixo wakho ndinguThixo onekhwele. Ndiyabohlwaya abandithiyileyo; ewe, ndohlwaya ooyise ndide ndiye kuqhina kwesesithathu nakwesesine isizukulwana sabo.
IEKSODUS 20:4-5 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Uze ungazenzeli umfanekiso oqingqiweyo, nokuba ngowayiphi na into emilise esezulwini phezulu, nokuba yinto yonke ephantsi komhlaba, nesemanzini aphantsi komhlaba. Uze ungaqubudi kwezo nto, ungazikhonzi; kuba mna Yehova Thixo wakho, ndinguThixo onekhwele, ndibuvelela ububi koonyana booyise, kwesesithathu nakwesesine isizukulwana sabandithiyileyo.
IEKSODUS 20:4-5 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Akuyi kuzenzela umfanekiso oqingqiweyo, nanye into efana nesezulwini pezulu, nesemhlabeni pantsi apa, nesemanzini pantsi kwomhlaba: akuyi kutoba pambi kwazo; akuyi kuzikonza kanjalo: ngokuba mna YEHOVA, UTIXO wako, ndi NGUTIXO onekwele, ndiyohlwayela inkohlakalo yoyise pezu kwabantwana, pezu kwesesitatu napezu kwesesine isizukulwana sabanditiyayo