Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

IEKSODUS 20:3-17

IEKSODUS 20:3-17 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)

Uze ungabi nathixo bambi ngaphandle kwam. Uze ungazenzeli umfanekiso oqingqiweyo, nokuba ngowayiphi na into emilise esezulwini phezulu, nesemhlabeni phantsi, nesemanzini aphantsi komhlaba. Uze ungaqubudi kwezo nto, ungazikhonzi: kuba mna, Yehova Thixo wakho, ndinguThixo onekhwele, ndibuvelela ubugwenxa booyise koonyana, kwesesithathu nakwesesiné isizukulwana sabandithiyileyo; ndiwenzela inceba amawaka abandithandayo, abayigcinayo imithetho yam. Uze ungafumane ulibize igama likaYehova uThixo wakho; kuba uYehova akayi kumenza omsulwa ofumana alibize igama lakhe. Khumbula umhla wesabatha, ukuba uwungcwalise. Wosebenza imihla emithandathu, uwenze wonke umsebenzi wakho; ke wona umhla wesixhenxe uyisabatha kaYehova uThixo wakho. Uze ungenzi namnye umsebenzi ngawo, wena, nonyana wakho, nentombi yakho, nesicaka sakho, nesicakakazi sakho, nezinto zakho ezizitho ziné, nowasemzini osemasangweni akho: kuba ngemihla emithandathu uYehova wênza izulu, nomhlaba, nolwandle, neento zonke ezikwezo zinto, waphumla ngomhla wesixhenxe; ngenxa yoko uYehova wawusikelela umhla wesabatha, wawungcwalisa. Beka uyihlo nonyoko, ukuze yolulwe imihla yakho emhlabeni akunika wona uYehova uThixo wakho. Uze ungabulali. Uze ungakrexezi. Uze ungebi. Uze ungangqini ubungqina obubuxoki ngommelwane wakho. Uze ungawunqweneli umzi wommelwane wakho. Uze ungamnqweneli umfazi wommelwane wakho, nesicaka sakhe, nesicakakazi sakhe, nenkomo yakhe, ne-esile lakhe, nanye into eyeyommelwane wakho.

IEKSODUS 20:3-17 IBHAYIBHILE (XHO96)

“Ungaze unqule *thixo wumbi ngaphandle kwam. “Ungaze uziqingqele umfanekiso wothixo, nditsho nokuba ngowantoni na esesibhakabhakeni phezulu, okanye esemhlabeni phantsi, okanye nokuba yeyasemanzini aphantsi komhlaba. Ungaze ukhahlele unqule umfanekiso oqingqiweyo; kuba mna Ndikhoyo Thixo wakho ndinguThixo onekhwele. Ndiyabohlwaya abandithiyileyo; ewe, ndohlwaya ooyise ndide ndiye kuqhina kwesesithathu nakwesesine isizukulwana sabo. Kodwa ke ndiphuphuma izibele kumawaka-waka abo bandithandayo, beyithobela imiyalelo yam. “Ungaze ulikhankanye ngelize igama lam; kaloku mna Ndikhoyo Thixo wakho andiyi kumxolela ofumana alibize igama lam. “Hlala uwukhumbula *uMhla wokuPhumla, uwugcine ulusuku olulodwa lukaNdikhoyo. Sebenza imihla emithandathu, uwenze wonke umsebenzi wakho. Ke wona umhla wesixhenxe lusuku lwam olulodwa lokuphumla. Ngoko ke makungabikho mntu usebenzayo ngalo mhla; nditsho nawe, umntwana wakho, nesicaka sakho, nemfuyo yakho, ngokunjalo nomngeneleli ohlala phakathi kwenu. Kaloku mna Ndikhoyo ndênza umhlaba, nesibhakabhaka, nolwandle, nako konke okulapho kwezo zinto, ngeentsuku ezintandathu, ndaza ke ndaphumla ngomhla wesixhenxe. Ngenxa yaloo nto ke lo mhla ndawukhetha ukuze ube lusuku olulodwa lokuphumla. “Mhlonele uyihlo ndawonye nonyoko, khon' ukuze ube nokuzinza kwelo lizwe ndikunika lona mna Ndikhoyo Thixo wakho. “Musa ukuba sisibulala-mntu. “Musa ukukrexeza. “Musa ukûba. “Musa ukungqina ubuxoki ngomnye umntu. “Musa ukunqwenela umzi womnye umntu, nokuba ngumfazi wakhe, nokuba sisicaka sakhe okanye isicakakazi sakhe, nokuba yinkomo yakhe, nokuba yidonki yakhe, okanye nantoni na eyeyomnye umntu.”

IEKSODUS 20:3-17 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)

Uze ungabi nathixo bambi ngaphandle kwam. Uze ungazenzeli umfanekiso oqingqiweyo, nokuba ngowayiphi na into emilise esezulwini phezulu, nokuba yinto yonke ephantsi komhlaba, nesemanzini aphantsi komhlaba. Uze ungaqubudi kwezo nto, ungazikhonzi; kuba mna Yehova Thixo wakho, ndinguThixo onekhwele, ndibuvelela ububi koonyana booyise, kwesesithathu nakwesesine isizukulwana sabandithiyileyo. Ndibabale amawaka abandithandayo, abayigcinayo imithetho yam. Uze ungafumane ulibize igama likaYehova uThixo wakho; ngenxa yokuba uYehova akayi kumyeka osebenzisa igama lakhe njengelize. Khumbula umhla wesabatha ukuba uzingcwalise. Wosebenza imihla emithandathu, uwenze wonke umsebenzi wakho; ke wona umhla wesixhenxe uyisabatha kaYehova uThixo wakho; Uze ungenzi namnye umsebenzi ngayo, wena, nonyana wakho, nentombi yakho, nesicaka sakho, nesicakakazi sakho, nemfuyo yakho, nowasemzini okuwe. Amasango: Ngokuba ngemihla emithandathu uYehova wenza izulu nomhlaba, nolwandle, neento zonke ezikwezo zinto, waphumla ngomhla wesixhenxe; ngenxa yoko uYehova wawusikelela umhla wesabatha, wawungcwalisa. Beka uyihlo nonyoko, ukuze yolulwe imihla yakho emhlabeni akunika wona uYehova uThixo wakho. Uze ungabulali; Musa ukukrexeza. Musa ukuba. Musa ukuba lingqina lobuxoki ngommelwane wakho. Uze ungawunqweneli umzi wommelwane wakho, ungamnqweneli umfazi wommelwane wakho, nesicaka sakhe, nesicakakazi sakhe, nenkomo yakhe, ne-esile lakhe, nento yonke eyeyakho.

IEKSODUS 20:3-17 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)

Akuyi kuba nabo otixo bambi ngapandle kwam. Akuyi kuzenzela umfanekiso oqingqiweyo, nanye into efana nesezulwini pezulu, nesemhlabeni pantsi apa, nesemanzini pantsi kwomhlaba: akuyi kutoba pambi kwazo; akuyi kuzikonza kanjalo: ngokuba mna YEHOVA, UTIXO wako, ndi NGUTIXO onekwele, ndiyohlwayela inkohlakalo yoyise pezu kwabantwana, pezu kwesesitatu napezu kwesesine isizukulwana sabanditiyayo; ndiwenzela ububele amawaka abanditandayo nabayigcinayo imiyalelo yam. Akuyi kufumana ulibize igama LIKAYEHOVA, UTIXO wako: ngokuba UYEHOVA engayi kumyeka angabi natyala lowo ufumana elibiza igama lake. Kumbula umhla we‐Sabata, ukuba uwenze ngcwele. Wosebenza imihla ibe mitandatu, uwenze wonke umsebenzi wako; kodwa umhla wesixe̔nxe uyi‐Sabata KAYEHOVA, UTIXO wako; akuyi kwenza namnye umsebenzi ngawo, kwa wena, nonyana wako, nentombi yako, nesicaka sako, nesicakakazi sako, nenkomo zako, nowasemzini wako opakati kwamasango ako: ngokuba ngemihla mitandatu wenza UYEHOVA izulu nomhlaba, nolwandle, nako konke okukuzo, waza wapumla ngomhla wesixe̔nxe: ngoko wawutamsanqelisa UYEHOVA umhla wesixe̔nxe, wawenza ngcwele. Beka uyihlo nonyoko, ukuze imihla yako yolulwe elizweni ulipiweyo NGUYEHOVA, UTIXO wako. Akuyi kubulala. Akuyi kuṙexeza. Akuyi kuba̔. Akuyi kunqi̔na ubunqi̔na’obubuxoki ngakuye ummelwane wako. Akuyi kunqwenela indlu yommelwane wako, akuyi kunqwenela umfazi wommelwane wako, nesicaka sake, nesicakakazi sake, nenkabi yake, neqwaṙashe lake, nanye into eyeyommelwane wako.