IEKSODUS 13:17
IEKSODUS 13:17 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Kwathi, akubandulula uFaro abantu, uThixo àkabakhokela ngendlela yelizwe lamaFilisti, nakuba ibimfutshane yona: kuba wathi uThixo, hleze abantu bazohlwaye bakubona imfazwe, babuyele eYiputa.
IEKSODUS 13:17 IBHAYIBHILE (XHO96)
Wathi ukumkani waseJiputa akuwakhulula amaSirayeli, uThixo akawakhokela ngendlela ecanda kwelamaFilistiya, nakuba yayiyeyona imfutshane. Kaloku uThixo wathi: “AmaSirayeli akuzibona egaxeleka emfazweni, angafuna ukubuyela eJiputa.”
IEKSODUS 13:17 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Akubandulula ke uFaro abantu, uThixo akabakhokela ngendlela yelizwe lamaFilisti, nakuba ibikufuphi; ngokuba wathi uThixo, Ukuze bangaguquki abantu bakuyibona imfazwe, babuyele eYiputa.
IEKSODUS 13:17 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
KWAYE kute, xeshekweni u‐Faro ebendulule abantu, waza UTIXO akabakapa ngendlela yasezweni lama‐Filistiya, nakuba leyo ibifutshane; ngokuba ebesiti UTIXO: Hleze abantu babe nosizi bakubona imfazwe, baze babuyele e‐Jipete.