IEKSODUS 11:5-6
IEKSODUS 11:5-6 IBHAYIBHILE (XHO96)
Ndiya kuwathi qwaka afe onke amazibulo, kuqalela kwelokumkani ongqendeve ebhotwe, kuye kwelekhoboka elisebenzayo, kuye kuthi xhaxhe kwizibulo lemfuyo. ElaseJiputa liya kuhlahlamba ngesijwilikazi esingazange seviwa ngaphambili, esingayi kuze siviwe nanini na.
IEKSODUS 11:5-6 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
afe onke amazibulo ezweni laseYiputa, ethabathela kumazibulo kaFaro, ohleliyo etroneni yakhe, ese kumazibulo omkhonzazana osemva kwamatye okusila, namazibulo onke eenkomo; kubekho isikhalo esikhulu ezweni lonke laseYiputa, ekungazanga kubekho sinjalo, kwaye kungayi kuphinda kubekho sinjalo.
IEKSODUS 11:5-6 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Onke amazibulo ezweni laseYiputa aya kufa, kuqalela kowamazibulo kaFaro ehleli etroneni yakhe, kuse kowamazibulo omkhonzazana osemva kwelitye lokusila; nawo onke amazibulo eenkomo. Kuya kubakho isikhalo esikhulu ezweni lonke laseYiputa, ekungazanga sibekho, nesingayi kubuya sibekho.
IEKSODUS 11:5-6 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
aeya kufa onke amazibulo asezweni le‐Jipete, kwa sezibulweni lika‐Faro ohleli eteroneni yake kude kube sezibulweni lesicakakazi esisemva kwelitye lokusila, kwa nawo onke amazibulo ezilo. Kwakuya kubako isikalo esikulu kulo lonke ilizwe le‐Jipete, ekungazanga kubeko esinjalo, nekungayi kubuya kubeko esinjalo.