UESTERE 5:1
UESTERE 5:1 IBHAYIBHILE (XHO96)
Kuthe ke ngosuku lwesithathu uEstere wavatha ezobukhosi, wangena phakathi enkundleni yasebhotwe, wema phambi kwendlu kakumkani. Ukumkani wayengqendeve esihlalweni sakhe sobukhosi apho kuloo ndlu, ejonge esangweni.
UESTERE 5:1 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Kwathi ngomhla wesithathu, uEstere wambatha ezobukumkanikazi, wema entendelezweni engaphakathi yendlu yokumkani, malungana nendlu yokumkani. Waye ukumkani ehleli etroneni yobukumkani bakhe endlwini yobukumkani, malunga nomnyango wendlu.
UESTERE 5:1 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Kwathi ngomhla wesithathu uEstere wambatha ingubo yakhe yobukumkani, wema entendelezweni engaphakathi yendlu yokumkani, malunga nendlu yokumkani; ukumkani ubehleli etroneni yobukumkani bakhe, endlwini yokumkani, malunga nesango lendlu.
UESTERE 5:1 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Kwaye kute ngowesitatu umhla, wandula wambata u‐Esetere izivato zobukumkani, wema kwelapakati ikusi lendlu yokumkani, malungana nendlu yokumkani: waye ukumkani ehleli esihlalweni sake sobukumkani, ngasendlwini yobukumkani, malungana nocango lwendlu.