UESTERE 4:14
UESTERE 4:14 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Ngokuba xa uthe wahlala wathi tu ngeli xesha, ukuphefumla nokuhlangulwa kowavelela amaYuda kwenye indawo; ke wena nendlu yoyihlo nitshatyalaliswe. Ngubani na owaziyo, hi kanti ungené ebukumkanini ngenxa yexesha elinje?
UESTERE 4:14 IBHAYIBHILE (XHO96)
Kaloku xa uthe wathula wee cwaka ngeli thuba lentlekele, hleze luvele lona usindiso lwamaJuda, kodwa ke luthi gqi ngankalo yimbi, ube ke phofu wena nendlu kayihlo uza kutshabalala. Kambe ke, ngubani owaziyo, mhlawumbi wabekwa kwesi sikhundla sasebukhosini khon' ukuze ujongane namaxesha anje.”
UESTERE 4:14 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Kuba xa nithe nathula cwaka ngeli xesha, ukwaphuka nosindiso luya kubonakala kwenye indawo kumaYuda; ke wena nendlu kayihlo niya kutshabalala; Ngubani na owaziyo, ukuba ungene ebukumkanini ngenxa yexesha elinje?
UESTERE 4:14 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Ngokuba nxa ugqibela ukuti cwaka ngelixesha, kwopakamela ama‐Juda umciza nosindiso luvela kwiyimbi indawo; kodwa wena nendlu kayihlo niya kububa: ngubanina ke owaziyo, ukuba akufikelanga na ebukumkanini ngenxa yexesha elinjengeli?