UESTERE 4:13-14
UESTERE 4:13-14 IBHAYIBHILE (XHO96)
wabayalela ukuba bamphendule uEstere bathi: “Uze ungazikhohlisi ngokuthi kuba wena ulapho endlwini kakumkani, nguwe wedwa oya kusinda kumaJuda xa ewonke. Kaloku xa uthe wathula wee cwaka ngeli thuba lentlekele, hleze luvele lona usindiso lwamaJuda, kodwa ke luthi gqi ngankalo yimbi, ube ke phofu wena nendlu kayihlo uza kutshabalala. Kambe ke, ngubani owaziyo, mhlawumbi wabekwa kwesi sikhundla sasebukhosini khon' ukuze ujongane namaxesha anje.”
UESTERE 4:13-14 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Wathi uMordekayi ukumphendula uEstere, Musa ukuthi emphefumlweni wakho, ùya kusinda wena endlwini yokumkani ngaphezu kwamaYuda onke. Ngokuba xa uthe wahlala wathi tu ngeli xesha, ukuphefumla nokuhlangulwa kowavelela amaYuda kwenye indawo; ke wena nendlu yoyihlo nitshatyalaliswe. Ngubani na owaziyo, hi kanti ungené ebukumkanini ngenxa yexesha elinje?
UESTERE 4:13-14 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ngoko uMordekayi wayalela ukuba impendulo inikwe uEstere: “Musa ukuzixelela ukuba uya kusinda wena endlwini yokumkani ngaphezu kwamaYuda onke. Kuba xa nithe nathula cwaka ngeli xesha, ukwaphuka nosindiso luya kubonakala kwenye indawo kumaYuda; ke wena nendlu kayihlo niya kutshabalala; Ngubani na owaziyo, ukuba ungene ebukumkanini ngenxa yexesha elinje?
UESTERE 4:13-14 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Waza u‐Modekai wati ukupendula ku‐Esetere: Ningabi pakati kwako uya kusinda wena endlwini yokumkani, ngapezu kwawo onke ama‐Juda. Ngokuba nxa ugqibela ukuti cwaka ngelixesha, kwopakamela ama‐Juda umciza nosindiso luvela kwiyimbi indawo; kodwa wena nendlu kayihlo niya kububa: ngubanina ke owaziyo, ukuba akufikelanga na ebukumkanini ngenxa yexesha elinjengeli?