UESTERE 4:1-4
UESTERE 4:1-4 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Ke kaloku uMordekayi wakwazi konke oko kwenziweyo. Wazikrazula uMordekayi iingubo zakhe, wambatha ezirhwexayo nothuthu, waphuma waya phakathi komzi, wakhala ngesikhalo esikhulu, esikrakra. Wafika phambi kwesango lokumkani; kuba bekungangeni mntu esangweni lokumkani ambethe ezirhwexayo. Kuwo onke amazwe ngamazwe, kwindawo elithe lafika kuyo ilizwi lokumkani nomthetho wakhe, yaba sisijwili esikhulu kumaYuda, nokuzila ukudla, nokulila, nokumbambazela. Abaninzi bandlala iingubo ezirhwexayo nothuthu. Zeza ke iimpelesi zikaEstere namathenwa akwakhe, amxelela. Wamana ezibhijabhija ukumkanikazi, ebuhlungu, wathumela iingubo zokumambesa uMordekayi, zisuswe kuye ezirhwexayo; àkazamkela.
UESTERE 4:1-4 IBHAYIBHILE (XHO96)
Ke kaloku akuyiva into ehlileyo uModekayi wazikrazula iimpahla awayezinxibile, wafaka ezirhwexayo, wazigalela ngothuthu, wangena esixekweni ehamba ebhomboloza kabuhlungu. Wahamba wee xhaxhe ngamasango asebhotwe, kuba wayengavumelekanga ukungena khona umntu onxibe ezirhwexayo. Kuwo onke amaphondo apho safikelela khona esi saziso somyalelo kakumkani amaJuda alila ezimathontsi, azila ukutya, atsho ngesingqala, enxibe ezirhwexayo, ezigalele ngothuthu. Zithe ke iimpelesi zikaEstere ndawonye namaphakathi zakumxelela ngoModekayi wasuka wabandezeleka. Wathumelela uModekayi iimpahla zokunxiba, koko yena wasuka wazimangala.
UESTERE 4:1-4 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Akukubona konke okwenzekileyo uMordekayi, uMordekayi wazikrazula iingubo zakhe, wambatha iingubo ezimnyama zokuzila nothuthu; Wafika phambi kwesango lokumkani, kuba akukho mntu unokungena esangweni lokumkani, enxibe iimpahla zokuzila. Yaye kuwo onke amaphondo apho umyalelo kakumkani nomyalelo wakhe wawufikele khona, kwakukho ukuzila okukhulu phakathi kwamaYuda, nokuzila ukutya nokulila nokulila; abaninzi balala benxibe amadlavu nothuthu. Zeza ke iimpelesi zikaEstere nabakhonzazana bakhe, bamxelela. Waba buhlungu kakhulu ukumkanikazi; Wathumela iingubo zokumambesa uMordekayi, wamsusa ezirhwexayo
UESTERE 4:1-4 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
WATI u‐Modekai akukwazi konke okube kwenziwe, wandula u‐Modekai waṙazula izivato zake, wambata intlakantlaka notutu, wapuma waya pakati kwesixeko, wakala ngesikalo esikulu esiṙaṙa; weza kude kwapambi kwesango lokumkani: ngokuba bekungengenwe mntu esangweni lokumkani eyambete intlakantlaka. Nakuwo onke amazwana ngamanye, apo kwafika kona ilizwi lokumkani nomteto wake, bekuko usizi olukulu pakati kwama‐Juda, nokuzila ukutya, nokulila, nesijwili; bati abaninzi balala pezu kwentlakantlaka notutu. Zandula zeza izicakazana zika‐Esetere nababusi bake, bamxelela. Waza ukumkanikazi waba buhlungu kakulu; watuma izivato ukuba kuvatiswe u‐Modekai, nokuba kususwe kuye intlakantlaka yake: kodwa akazamkela.