UESTERE 2:17-18
UESTERE 2:17-18 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Ukumkani wamthanda uEstere ngaphezu kwabafazi bonke; wambabala, wamenzela inceba ngaphezu kweentombi zonke; unkontsho lobukumkanikazi walubeka entlokweni yakhe, wamenza ukumkanikazi esikhundleni sikaVashti. Ukumkani wabenzela isidlo esikhulu abathetheli bakhe nabakhonzi bakhe, isidlo sikaEstere; wawaphumza amazwe, wapha izipho ngokwamandla okumkani.
UESTERE 2:17-18 IBHAYIBHILE (XHO96)
Ke kaloku ukumkani lowo wakhangwa ngendlela eyodwa nguEstere lowo; ewe, kuzo zonke ezo ntombi ayikho eyawelwa ngukumkani njengoEstere lowo, yena wamkholisa ngokugqithisileyo. Ngoko ke ukumkani wathwesa uEstere iqhiya yobukumkanikazi, wamfaka esikhundleni sikaVashiti. Ukumkani ke wenzela izikhulu namaphakathi akhe itheko elikhulu egameni likaEstere. Wamisela iholide kuwo onke amaphondo awayephantsi kwakhe, wasasaza izipho zazininzi, ziphuma esandleni sikakumkani.
UESTERE 2:17-18 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
uYehova wamthanda uEstere ngaphezu kwabafazi bonke; Ngoko wamthwesa isithsaba sobukumkani entlokweni yakhe, wamenza ukumkanikazi esikhundleni sikaVashti. Ukumkani wabenzela bonke abathetheli bakhe nabakhonzi bakhe isidlo esikhulu, isidlo sikaEstere; wakhulula amazwe, wanikela izipho ngokwemeko yokumkani.
UESTERE 2:17-18 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Waza ukumkani wamtanda u‐Esetere pezu kwawo onke amankazana; wayefumana ufefe nobubele ebusweni bake ngapezu kwazo zonke intombi; wada wabeka isitsaba sobukumkani entlokweni yake, wamenza ukumkanikazi esikundleni sika‐Vashiti. Wandula ukumkani wenzela zonke inkosi zake nezicaka zake isidlo esikulu, isidlo sika‐Esetere; kanjalo wenzela amazwana ukupumla, wapa amabaso, ngokwesisa sokumkani.