UESTERE 2:15
UESTERE 2:15 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Kwathi, kwakufika ixesha likaEstere, intombi ka-Abhihayili, uyisekazi kaMordekayi, obeyithabathe ukuba abe yintombi yakhe, angene kukumkani, akafuna nto, ingenguHegayi, ithenwa lokumkani, umgcini wendlu yenkosi ikumkani abafazi, abanyuliweyo. Yaye uEstere wabonakala ekholekile emehlweni abo bonke ababembona.
UESTERE 2:15 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Ekufikeni kwexesha likaEstere, intombi ka-Abhihayili, uyisekazi kaMordekayi, obeyithabathe ukuba ibe yintombi yakhe, lokuba aye kukumkani, akafunanga nto ingàxelwanga nguHegayi ithenwa lokumkani, umgcini wabafazi. UEstere wababalwa ngabo bonke abambonáyo.
UESTERE 2:15 IBHAYIBHILE (XHO96)
Lithe ke lakufika ithuba likaEstere (intombi leyo eyayigcinwe nguModekayi, iyintombi kayisekazi uAbhihayili) ukuba aye kuvela phambi kokumkani, yena akafunanga nto yimbi ngaphandle kwezo zinto wayezicetyiswe nguHegayi iphakathi likakumkani elalijongene nenkundla yababhinqileyo. Ke yena uEstere wamkholisa wonke umntu owambonayo.
UESTERE 2:15 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Kekaloku kwakufika ixesha lika‐Esetere, intombi ka‐Abihayili, uyisekazi ka‐Modekai, obemtabatile abe yintombi yake, lokuba angene kukumkani, akafuna nto, kupela oko u‐Hegai umbusi wokumkani, umgcini wamankazana, wamxelelayo. Waye u‐Esetere wafumana ufefe emehlweni abo bonke abambonayo.