UESTERE 1:18-20
UESTERE 1:18-20 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Kananjalo amakhosikazi asePersi naseMedi ayivayo le nto yokumkanikazi, aya kuyixela kwanamhlanje kubathetheli bonke bokumkani, kwande ke ukudela noburhalarhume. Ukuba kuthe kwalunga kukumkani, makuphume ilizwi lokumkani ebusweni bakhe, libhalwe emithethweni yamaPersi namaMedi, ukuze lingatshitshi, lokuba uVashti angàbi seza phambi kokumkani uAhaswerosi, ukumkani abunikele ubukumkanikazi bakhe kuwabo olungileyo kunaye. Wóthi ke wakuvakala umthetho wokumkani, aya kuwenza ebukumkanini bakhe bonke (ngokuba bukhulu), bonke abafazi bawabeke amadoda abo, kuthabathele kwenkulu, kuse kwencinane.
UESTERE 1:18-20 IBHAYIBHILE (XHO96)
Kunamhlanje-nje bonke abafazi bezikhulu zamaPeshiya namaMedi abevileyo ngesi simo sikakumkanikazi baza kwenza kwangolo hlobo kwizikhulu zikakumkani. Ngenxa yalo mzekelo ukungevisisani nentswela-mbeko soze ziphinde ziphele. “Ngoko ke xa kukholekile kukumkani, umhlekazi makenze isihlokomiso ngokwasemthethweni, agunyazise ukuba sibhalwe kwimithetho yamaPeshiya namaMedi engenakuguqulwa. Isihlokomiso eso masimvalele ukumkanikazi uVashiti angaze aphinde athi cakatha kwibhotwe likakumkani uAsuwerosi. Kananjalo ke, ukumkani esi sikhundla sikaVashiti makasinikezele kumntu wumbi olungileyo kunaye. Xa sithe sabhengezwa esi sihlokomiso sikakumkani kuwo wonke loo mmandla wakhe ubanzi kangakanana, bonke abafazi baya kutsho bawahlonele amadoda abo, kuqalela koyena uphantsi kuye koyena uphezulu.”
UESTERE 1:18-20 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Namhlanje ookumkanikazi basePersi naseMedi baya kuzixela zonke iinkosana zokumkani eziyivileyo le nto yokumkanikazi; Kuya kuvela indelelo eninzi nomsindo. Ukuba kubonakala kulungile kukumkani, mawuhle uye kuye umthetho wasebukhosini, ubhalwe emthethweni wamaPersi namaMedi, ukuze ungaguquki, ukuba uVashti akezi kwakhona phambi kokumkani uAhaswerosi; Ukumkani makanikele ubuncwane bakhe kolungileyo kunaye. Emva komyalelo kakumkani uya kwaziwa ebukumkanini bakhe bonke (ngokuba bukhulu), bonke abafazi bafanele bawahlonele amadoda abo, amakhulu namancinane.
UESTERE 1:18-20 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Aya kutsho kwa namhla nje amakosikazi ase‐Peresiya ne‐Medi, avileyo indawo yokumkanikazi, kuzo zonke inkosi zokumkani; kwandul’ ukubako ubuninzi bokudela nomsindo. Ukuba kunga kulungile kukumkani, makupume ilizwi lobukumkani kwa sebusweni bake, maliba̔lwe pakati kwemiteto yama‐Peresiya nama‐Medi, lize lingatshitshi, lokokuba u‐Vashiti angez’ angene ebusweni bokumkani u‐Hasheveroshe, nobukumkanikazi bake makabunike ukumkani kummelwanekazi wake omdlulayo ngokulunga. Kwoti kwakuvakala umteto wokumkani aya kuwenza kubo bonke ubukumkani bake, (ngokuba bukulu bona,) bonke abafazi bowanika imbeko amadoda abo, kwa namakulu namancinane.