UESTERE 1:11-13
UESTERE 1:11-13 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
mabamzise uVashti ukumkanikazi phambi kokumkani enonkontsho lobukumkanikazi, ukuba abonise abantu nabathetheli ubuhle bakhe; ngokuba ebeyinzwakazi, imbonakalo yakhe. Akavumanga ukumkanikazi uVashti ukuza ngelizwi lokumkani ngababusi abo. Waba noburhalarhume obukhulu ukumkani, bavutha ubushushu bakhe kuye. Wathi ke ukumkani kwizilumko eziwaziyo amaxesha (ngokuba ibisenjiwa njalo into yokumkani phambi kwabo bonke abawaziyo umthetho nesiko; ababekufuphi kuye

UESTERE 1:11-13 IBHAYIBHILE (XHO96)
Wona wawayalela ukuba ezise ukumkanikazi uVashiti, ammise phambi kwakhe evathile, ethwele iqhiya yobukumkanikazi, khon' ukuze aqhayise ngobo bunzwakazi bakhe ebantwini ndawonye nezikhulu zakhe. Kaloku wayeyinzwakazi ethi ndijonge. Kambe ke amaphakathi lawo athe akuwudlulisa loo myalelo kakumkani, suka ukumkanikazi uVashiti wala ukuza. Hayi ke, yeka ukuvutha kukakumkani ngumsindo. Njengoko yayilisiko ukuba ukumkani athetha-thethane neengcali kwimicimbi yomthetho nobulungisa, naye ke wadlan' iindlebe namadoda azizilumko awuqondayo umthetho
UESTERE 1:11-13 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
mabamzise uVashti, ukumkanikazi phambi kokumkani, enesithsaba sobukumkani, ukuba abonise abantu nabathetheli ubuhle bakhe; Akavumanga ukumkanikazi uVashti ukuza ngelizwi lokumkani ngabakhonzi bakhe; ke ngoko, ukumkani waba nomsindo kakhulu, waza wavutha umsindo wakhe ngaphakathi kwakhe. Wandula ke ukumkani wathi kwizilumko ezaziwazi amaxesha, ekubeni isimo sengqondo sikakumkani sasinjalo kubo bonke ababewazi umthetho nokusesikweni.
UESTERE 1:11-13 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
ukuba bamzise u‐Vashiti ukumkanikazi pambi kwokumkani, enesitsaba sobukumkani, aze abonise abantu nenkosi ubunzwakazi bake: ngokuba ebemhle ukubonakala kwake. Kodwa ukumkanikazi u‐Vashiti wala ukuza ngelizwi lokumkani owalitumayo ngababusi abo: waza ukumkani waqumba kakulu, nomsindo wake wausitsha pakati kwake. Wandula ukumkani wati kwizilumko, ezibe ziwazi amaxesha: (ngokuba belinjalo isiko lokumkani ebusweni babo bonke ababesazi umteto nokugweba