KWABASE-EFESE 4:20-24
KWABASE-EFESE 4:20-24 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Ke nina animfundanga ngokunjalo uKristu, ukuba kambe ningaba nimvile, nafundiswa nikuye, njengoko inyaniso ikuye uYesu; yokuba nithi ngakwihambo yangaphambili nimlahle umntu omdala, owonakaliswayo ngokokweenkanuko zokulukuhla; nihlaziywe ke kuwo umoya wengqiqo yenu, nimambathe umntu omtsha, othe ngokukaThixo wadalelwa ebulungiseni, nasebungcweleni benyaniso.
KWABASE-EFESE 4:20-24 IBHAYIBHILE (XHO96)
Kodwa ke nina animfundanga ngolo hlobo uKrestu. Kambe senivile ngaye, ibe ke njengamaKrestu niyifundisiwe inyaniso kaKrestu. Ngoko ke silahleni isimo senu esidala. Besinilahlekisa ngeenkanuko ezingendawo ezinirhuqela ekufeni. Iintliziyo zenu mazihlaziyeke ngokupheleleyo. Thathani isimo esitsha esidalwe safuza uThixo, esizibonakalisa ngobomi obumsulwa, obungcwele, obunyanisekileyo.
KWABASE-EFESE 4:20-24 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ke nina animfundanga ngokunjalo uKristu; Ukuba okunene nimvile, nafundiswa nguye, njengokuba inyaniso ikuye uYesu; yokuba nithi ngakwihambo yangaphambili nimlahle umntu omdala, owonakaliswayo ngokokweenkanuko zokulukuhla; manihlaziywe ke kuwo umoya wengqiqo yenu; Nambathe umntu omtsha, othe ngokukaThixo wadalelwa ebulungiseni, nasebungcweleni benyaniso.
KWABASE-EFESE 4:20-24 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Kodwa nina animfundanga u‐Kristu ngokunjalo; ukuba nite kambe neva yena, nafundiswa kuye, njengokuba injalo inyaniso ku‐Yesu; ukuba niti, okwokumila kwenu kwapambili, nimtule umntu omdala, oman’ ukwonakala ngokwenkanuko zenkohliso, nibe nihlaziywa emoyeni woluvo lwenu; nize nimambate umntu omtsha, ote ngokufuza UTIXO wadalwa ebulungiseni nasebungcweleni benyaniso.