KWABASE-EFESE 1:4-6
KWABASE-EFESE 1:4-6 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
njengokuba wathi, ngaphambi kokusekwa kwehlabathi, wasinyulela kuye, ukuba sibe ngcwele, singabi nasiphako phambi kwakhe; othe ngokusithanda wasimisela ngenxa engaphambili, ukuba senziwe oonyana kuye ngokwakhe ngoYesu Kristu, ngokwenkolelo yokuthanda kwakhe, ukuze kudunyiswe uzuko lobabalo lwakhe, awasibabala ngalo sikuye Othandiweyo
KWABASE-EFESE 1:4-6 IBHAYIBHILE (XHO96)
UThixo wasinyula ngoKrestu kwangaphambi kokusekwa kwehlabathi, ukuze sibe ngabantu bakhe abangenasiphako ngenxa yothando. UThixo akuba ethandile wagqiba kwangaphambili ukuba asenze oonyana bakhe ncakasana ngoYesu Krestu. Ngoko ke masimdumise uThixo ngenxa yesisa sakhe esisodwa asenzele sona ngoNyana wakhe oyintanda!
KWABASE-EFESE 1:4-6 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
njengokuba wathi, ngaphambi kokusekwa kwehlabathi, wasinyulela kuye, ukuba sibe ngcwele, singabi nakusoleka phambi kwakhe; ethe ngenxa engaphambili wasimisela ngenxa engaphambili ukuba senziwe oonyana ngoYesu Kristu kuye ngokwakhe, ngokwenkolelo yokuthanda kwakhe; Ngenxa yozuko lobabalo lwakhe, awasibabala ngalo sikuye othandiweyo
KWABASE-EFESE 1:4-6 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
njengokuba wasiqashayo kuye lingekamiswa ilizwe, ukuba sibe singcwele simsulwa pambi kwake elutandweni; esimisele ukumiswa kwobunyana kwa pambili nje ngaye u‐Yesu Kristu kwa kuye ngokwake, ngokwenkoliso yentando yake, kube kukudunyiswa kwobungcwalisa bofefe lwake, ekukulo wasipa ufefe kotandiweyo