INTSHUMAYELI 8:16-17
INTSHUMAYELI 8:16-17 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Xeshikweni ndayinikelayo intliziyo yam ukuba ndibazi ubulumko, ndiwubone umzamo owenzekayo ehlabathini (ngokuba nasemini nasebusuku ababoni buthongo ngamehlo abo), ndasibona ke sonke isenzo sikaThixo, ukuba akanako umntu ukusifumana isenzo eso senzekayo phantsi kwelanga; nakubeni umntu esaphuka ukusifuna, akasifumani. Nokuba sithe isilumko safuna ukwazi, asinakufumana.
INTSHUMAYELI 8:16-17 IBHAYIBHILE (XHO96)
Xa ndandizikisa ukucinga, ndifuna ukubazi ubulumko, ndiqwalasela ukubulaleka komntu kulo mhlaba – nditsho le nto yokuba amehlo akhe angabonani nokulala imini nobusuku – ndide ndakubona konke akwenzayo uThixo. Akukho bani onako ukukuqonda okwenzekayo apha phantsi kwelanga; noba selesenza yonke imigudu yokuphengulula akangeze akufumane. Nezilumko noba zingade zithi ziyaqonda, azazi nto tu!
INTSHUMAYELI 8:16-17 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Xa ndandinikela intliziyo yam ekwazini ubulumko nokubona umsebenzi owenziwa ehlabathini; (kuba kukho imini nobusuku, abuboni ubuthongo emehlweni akhe). Ndawubona ke wonke umsebenzi woThixo oyinyaniso, ukuba akukho namnye unako ukuwuqonda umsebenzi owenziwayo phantsi kwelanga; ngaphezulu koko; Nokuba isilumko safuna ukwazi, akasifumani.
INTSHUMAYELI 8:16-17 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
XESHEKWENI bendinikela intliziyo yam ukwazi ubulumko, nokugqala umsebenzi owenziwayo emhlabeni, ukuba kuko ongaboniyo ubutongo ngamehlo ake nasemini nasebusuku; ndandula ndabona wonke umsebenzi KATIXO, ukuba umntu ukohliwe kukufumana lowomsebenzi owenziwayo ngapantsi kwelanga; ngako oko umntu uyazamela ukuwufuna, angafumani noko; ewe, nokuba olumkileyo uti uyawazi, wokohlwa noko ukuwufumana.