INTSHUMAYELI 2:12-16
INTSHUMAYELI 2:12-16 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Ndazijika mna, ndakhangela ubulumko, nobugeza, nobuyatha; ngokuba ngumntu oyini na, lowo uya kuza emva kokumkani? lo ubeselenziwe kade? Ndabona ukuba ubulumko buyabugqitha ubuyatha, njengokuba ukukhanya kubugqitha ubumnyama. Isilumko, amehlo aso asentlokweni yaso; ke sona isinyabi sihamba emnyameni. Ndaqonda ke mna ukuba bonke bephela bahlelwa sihlo sinye. Ndathi mna entliziyweni yam, Njengoko sihlelwa kuko isinyabi, ndiya kuhlelwa kuko nam lo; ibiyini na ke ukuba ndisidlule mna ngokulumka? Ndathi entliziyweni yam, Kwanaloo nto ingamampunge. Ngokuba isilumko kunye nesinyabi asinakukhunjulwa kungunaphakade, ekubeni kusiza iimini ezoba sezilityelwe zonke ezo nto. Kutheni na, ukuba zife izilumko kunye nezinyabi?
INTSHUMAYELI 2:12-16 IBHAYIBHILE (XHO96)
Ndaza ke ndaphicotha umahluko phakathi kobulumko kunye nobutyhakala nobudenge. Kakade yintoni anokuyenza ongena ezihlangwini zokumkani ebeyingasele yenziwa ngaphambili? Ndabona ukuba ubulumko buyakhetheka kunobutyhakala, kwanjengokuba ukukhanya kungcono kunobumnyama. Umntu osisilumko uyabona apho aya khona, kanti ke sona isityhakala sifathula emnyameni. Kambe ke ndafumanisa ukuba bebonke isiphelo sinye. Ndagqiba kwelithi: “Nam ngokwam ndiya kufa kwanjengesityhakala, ibe yintoni ke endiyizuzileyo ngobulumko?” Ndaza ndagqiba kwelithi: “Nale ke into ikwangamampunge. Isilumko siyalityalwa, kanti nesityhakala asikhunjulwa. Ngemihla ezayo bobabini bayalityalwa, bangabi sakhunjulwa. Kukugqwesa ngantoni ke ukufa kwesilumko ukufa kwesityhakala?”
INTSHUMAYELI 2:12-16 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ndajika ke mna, ndakhangela ubulumko, nobugeza, nobuyatha; Angenza ntoni na umntu oza emva kokumkani? kuninzi okwenziweyo. Ndabona ukuba ubulumko bukhulu kunobudenge, njengokuba ukukhanya kubungaphezu kobumnyama. Amehlo esilumko asentlokweni yaso; ke sona isidenge sihamba ebumnyameni; Ndathi mna entliziyweni yam, Njengoko sihlelwa kuko isinyabi, kuya kuba njalo nakum; kwaye kutheni ndikrelekrele ngakumbi? Ndathi ke entliziyweni yam nalo ngamampunge. Ngokuba akukho silumko ngaphezu kwesidenge, ukuze kukhunjulwe ngonaphakade; ngokuba oko kuza kweli phakade kuya kulibaleka. Ke yena umntu osisilumko ufa njani? ngaphezu kwesidenge.
INTSHUMAYELI 2:12-16 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Ndasuka ndabeka ukugqala ubulumko, nobugeza, nobudenge: ngokuba eya kwenza nto nina lowamntu oya kumlandela ukumkani? kwa oko sekukade kwenziwe. Ndandula ndabona ukuba ubulumko buyagqitisela ubudenge, kwa njengokuba ukukanya kugqitisela ubumnyama. Olumkileyo amehlo ake asentlokweni yake, kanti osidenge uyahamba ebumnyameni; sendiyazi noko, kwa mna, ukuba bohlelwa sisihlo sinye bonke. Ndaza ndati entliziyweni yam: Njengokuba kuhlela isidenge, kwa njalo kuya kundihlela kwa mna; kunganina ke ngoko ukuba ndigqitisile ngobulumko? Ndandul’ ukuteta entliziyweni yam ukuti: Oku kokungendawo nako. Ngokuba kungeko inkunjulwa kwolumkileyo njengeyosidenge kude kube ngunapakade; ngokokuba, njengapambili, emihleni ezayo bolityalwa kwa bonke. Hai ke ukufa kwolumkileyo ukufana nokwesidenge!