IDUTERONOMI 9:9-11
IDUTERONOMI 9:9-11 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Oko ndandinyuke ndaya entabeni ukuya kuthabatha amacwecwe amatye, amacwecwe omnqophiso abewenza uYehova nani, ndahlala iimini ezimashumi mané nobusuku obumashumi mané entabeni, ndingadli sonka, ndingaseli manzi. Wandinika uYehova amacwecwe amabini amatye, ebhalwe ngomnwe kaThixo, kubhalwe kuwo ngokwamazwi onke abewathethile uYehova nani entabeni, phakathi komlilo ngomhla wesikhungu. Kwathi, ekupheleni kweemini ezimashumi mané nobusuku obumashumi mané, uYehova wandinika amacwecwe amabini amatye, amacwecwe omnqophiso.
IDUTERONOMI 9:9-11 IBHAYIBHILE (XHO96)
Ndenyuka entabeni, ndisiya kuphuthuma amacwecwe amatye apho wawubhalwe khona umnqophiso awenze nani uNdikhoyo. Ndahlala apho ke amashumi amane eentsuku nobusuku bazo, ndingatyi ndingaseli. UNdikhoyo ke wandinika amacwecwe amabini amatye apho wayeyibhale khona ngesakhe isandla yonke into awayithethayo apho entabeni ngokuya wayeselangatyeni lomlilo, mhla ngembizo. Ewe, emveni kwezo ntsuku zimashumi mane nobusuku bazo, uNdikhoyo wandinika amacwecwe amabini amatye apho wayewubhale khona umnqophiso.
IDUTERONOMI 9:9-11 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Oko ndenyuka ndaya entabeni ukuya kuthabatha amacwecwe, amacwecwe omnqophiso abewenza uYehova nani, ndahlala iimini ezimashumi mane nobusuku obumashumi mane entabeni, ndingadli sonka, ndingaseli manzi. uYehova wandinika amacwecwe amatye amabini, ebhalwe ngomnwe kaThixo; kwakubhalwe kuyo onke amazwi uYehova awawathethayo kuni entabeni emlilweni ngomhla wokuhlangana. Ekupheleni kweemini ezimashumi mane nobusuku obumashumi mane, uYehova wandinika amacwecwe amatye amabini, angamacwecwe omnqophiso.
IDUTERONOMI 9:9-11 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Xeshekweni ndibe ndinyukele entabeni apo, ukuya kuwamkela amacwecwe amatye, amacwecwe ocebano owabelwenzile nani UYEHOVA, ndandula ndahlala entabeni imini ezimashumi mane nobusuku obumashumi mane, isonka ndingasityanga, namanzi ndingawaselanga: waye UYEHOVA wanika kum amacwecwe amatye amabini, eba̔lelwe ngomnwe KATIXO; napezu kwawo kwaba̔lwa njengawo onke amazwi, abewatetile UYEHOVA kuni entabeni epakati kwomlilo, ngomhla wentlanganisano. Kwaza kwati, ekupeleni kwemini ezimashumi mane nobusuku obumashumi mane, UYEHOVA wanika kum lawo amacwecwe amatye amabini, amacwecwe ocebano.