IDUTERONOMI 31:7
IDUTERONOMI 31:7 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
UMoses wambiza ke uYoshuwa, wathi kuye emehlweni amaSirayeli onke, Yomelela ukhaliphe; kuba wena uya kungena naba bantu kwelo zwe wafungayo kooyise uYehova ukuba wobanika; wena uya kubadlisa ilifa.
IDUTERONOMI 31:7 IBHAYIBHILE (XHO96)
UMosis wabiza uYoshuwa, wathetha naye phambi kwawo onke amaSirayeli, wathi: “Qina ukhaliphe! Kaloku nguwe oza kukhokela aba bantu, uye kubadlisa ilifa labo kwelo lizwe uNdikhoyo wabathembisa ngalo ngesifungo ooyise-mkhulu.
IDUTERONOMI 31:7 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Wandula ke uMoses wambiza uYoshuwa waza wathi kuye phambi koonyana bakaSirayeli bonke: “Yiba nesibindi uze ukhaliphe, kuba wena uya kuhamba nesi sizwana uye kwilizwe awathembisa ngalo uYehova kooyise ukuba wobanika lona nika; yaye uya kubenza babe lilifa.
IDUTERONOMI 31:7 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Waza u‐Mosesi wabiza u‐Yoshuwa, wati kuye emehlweni abo bonke o‐Sirayeli: Yomelele ukalipe, ngokuba uya kungena nababantu elizweni, owayefungela oyise babo UYEHOVA ukuba abape lona; wobamkelisa ilifa lalo wena.