IDUTERONOMI 30:17-18
IDUTERONOMI 30:17-18 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Ke ukuba ithe yajika intliziyo yakho, akweva, wawexulwa, wanqula thixo bambi, wabakhonza: ndiyanixelela namhla, ukuba nobhubha kanye. Aniyi kolulelwa mini zenu kuwo umhlaba, eniwela iYordan nisiya kuwuma.
IDUTERONOMI 30:17-18 IBHAYIBHILE (XHO96)
“Kambe ke ukuba uthe wajika, wala ukuphulaphula, wawexulwa ngabanye *oothixo, wakhahlela kubo, wabanqula, ndiyakuxelela ngayo yona le mini ukuba inene uya kutshabalala. Awuyi kuba nabomi bude kwelo lizwe liphesheya kweJordan ungenela ukuya kuma kulo ngoku.
IDUTERONOMI 30:17-18 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ke ukuba ithe yalahleka intliziyo yakho, aweva; Namhla ndithi kuni, niya kudaka kuphele, aniyi kuyolula imihla yenu emhlabeni, nawela iYordan nisiya kuwuhlutha.
IDUTERONOMI 30:17-18 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
kodwa ukuba intliziyo yako iyajika, ude ungeva, wandule ukukuliswe, utobe pambi kwabo otixo bambi, ubakonze; ndiyaxela kuni namhla, okokuba niya kububa ngenyaniso; aniyi kwolula imihla pezu kwelolizwe, apo uwela i‐Yoredane ukuya kungena kona, ukuba ulifuye.