IDUTERONOMI 30:16
IDUTERONOMI 30:16 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
ekubeni ndikuwisela umthetho namhla, ukuba umthande uYehova uThixo wakho, uhambe ngeendlela zakhe, ugcine imithetho yakhe, nemimiselo yakhe, namasiko akhe, uphile, wande, akusikelele uYehova uThixo wakho kwelo zwe ungena kulo ukuba ulimé.
IDUTERONOMI 30:16 IBHAYIBHILE (XHO96)
Mna ndikuyalela namhlanje ukuba umthande uNdikhoyo uThixo wakho, uhambe ngeendlela zakhe, uyithobele uyenze imiyalelo nemimiselo nezithethe zakhe. Wakwenjenjalo uya kuphila wande, uNdikhoyo uThixo wakho akuthamsanqele kwelo lizwe ungenela ukuya kuma kulo.
IDUTERONOMI 30:16 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Kungenxa yoko le nto ndikuyalela namhlanje ukuba umthande uYehova uThixo wakho, uhambe ngeendlela zakhe, ugcine imiyalelo yakhe nemithetho yakhe nezigwebo zakhe, ukuze uphile, wande; yaye uYehova uThixo wakho uya kukusikelela ezweni oya kulidla ilifa.
IDUTERONOMI 30:16 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
ngokuba ndikuyala namhla ukuba umtande UYEHOVA, UTIXO wako, nokuba uhambe ezindleleni zake, nokuba ugcine imiyalelo yake, nemimiselo yake, nezigwebo zake; ukuze ubudle ubomi, wande nokwanda, ati UYEHOVA, UTIXO wako, akutamsanqele elizweni apo uya kona ukulifuya