IDUTERONOMI 14:23
IDUTERONOMI 14:23 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Uze udle isahlulo seshumi sengqolowa yakho, nesewayini yakho entsha, neseoli yakho, nesamazibulo eenkomo zakho, nawempahla yakho emfutshane, phambi koYehova uThixo wakho, kuloo ndawo aya kuyinyulela ukulibeka kuyo igama lakhe; ukuze ufunde ukumoyika uYehova uThixo wakho ngamaxesha onke.
IDUTERONOMI 14:23 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
udle phambi koYehova uThixo wakho endaweni leyo aya kuyinyulela ukuhlalisa igama lakhe kuyo, esishumini sengqolowa yakho, nesewayini yakho entsha, neseoli yakho, namazibulo eenkomo zakho, nawempahla yakho emfutshane; ukuze ufunde ukumoyika uYehova uThixo wakho yonke imihla.
IDUTERONOMI 14:23 IBHAYIBHILE (XHO96)
Ngoko ke wosithatha isishumi eso, uye naso kulaa ndawo inyulwe *nguNdikhoyo uThixo wakho ukuze lizinze khona igama lakhe, usityele khona phambi kwakhe – noba yingqolowa, iwayini entsha, amafutha omnquma, okanye amazibulo enkomo noba ngawegusha. Le nto ke noyenza khon' ukuze nifunde ukuhlala nimhlonela uNdikhoyo uThixo wenu.
IDUTERONOMI 14:23 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Wauya kutya pambi KWOYEHOVA, UTIXO wako, endaweni aya kuyinyula ukuba alimise igama lake kona, isishumi senqolowa yako, eseveyine yako, neseoli yako, namazibulo enkomo zako nawegusha zako; ukuze ufunde ukwoyika UYEHOVA, UTIXO wako, imihla yonke.