UDANIYELI 7:25-27
UDANIYELI 7:25-27 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
athethe amazwi okuchasana nOsenyangweni, abonákalise abangcwele bOsenyangweni, acamange ngokuwenza wambi amathuba nomthetho, banikelwe esandleni sakhe ixesha namaxesha nesiqingatha sexesha. Ke abagwebi baya kuhlala phantsi, balisuse igunya lakhe, ukuze litshabalale lidake, kude kuse ekupheleni. Ubukumkani, negunya, nobukhulu bezikumkani phantsi kwamazulu onke, buya kunikwa abantu abangcwele bOsenyangweni; ubukumkani bakhe bubukumkani obungunaphakade, namagunya onke aya kumbusa, amve.
UDANIYELI 7:25-27 IBHAYIBHILE (XHO96)
Uya kuthetha amazwi achasene noPhezukonke, abatshutshise abantu abangcwele bakaPhezukonke. Uya kuzimisela ukuyijika imithetho yabo, ngokunjalo namaxesha amatheko abo. Abantu abangcwele bakaPhezukonke ke baya kunikelwa esandleni sakhe ithuba elimisiweyo elingamaxesha amathathu anesiqingatha. “ ‘Kambe ke inkundla yaphezulu iya kuhlangana, imhluthe ulawulo lwakhe, lutshitshiswe, luphele ngonaphakade. Ke kaloku ubukhosi namagunya nobuhandiba bazo zonke izikumkani zehlabathi buya kunikezelwa kubantu abangcwele abalusapho lukaPhezukonke. Ke kaloku ulawulo lwaloo mbuso aluyi kuba nasiphelo, zaye ke zonke izikumkani zehlabathi ziya kuwuthobela ziwululamele.’
UDANIYELI 7:25-27 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Uya kuthetha amazwi amakhulu nxamnye nOyena Uphakamileyo aze abatshabalalise abangcwele bOyena Uphakamileyo aze acinge ukutshintsha amaxesha nemithetho, yaye kuya kunikelwa esandleni sakhe ngexesha namathuba nezahlulo zamaxesha. Kodwa ke umgwebo uya kuhlala, kwaye baya kubuthabatha ubukumkani bakhe, baphanzise kwaye batshabalalise kude kube sekupheleni. Ubukumkani, nolawulo, nobukhulu bezikumkani, phantsi kwezulu lonke, buya kunikwa abantu abangcwele bOsenyangweni, obukumkani bubukumkani obungunaphakade, nezikumkani zonke ziya kumkhonza, zimve
UDANIYELI 7:25-27 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Waeya kuteta amazwi ngakuye opezu kwonke, abasinyise abangcwele bopezu kwonke, acingele ukuguqula amaxesha nemiteto: babeya kunikwa esandleni sake kude kube lixesha, namaxesha, nesahlulo sexesha. Koko kuya kuhlalwa ukugweba, babeya kususa ubukosi bake, ukubutshabalalisa nokubububisa kude kube sekupeleni. Kanjalo ubukumkani, nobukosi, nobukulu bobukumkani ngapantsi kwezulu lonke, buya kunikwa ebantwini babangcwele bopezu kwonke, obukumkani bubukumkani obungunapakade, babuya kumkonza bonke ubukosi, bumpulapule.