UDANIYELI 7:14
UDANIYELI 7:14 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Wanikwa igunya, nobuhandiba, nobukumkani, ukuze zonke iintlanga, nezizwe, neelwimi, zimbuse; igunya lakhe ligunya elingunaphakade, elingapheliyo; ubukumkani bakhe bobungayi konakaliswa.
UDANIYELI 7:14 IBHAYIBHILE (XHO96)
Waza ke wathiwa jize ngamagunya, amawonga, nobukumkani, zaza zonke izizwe, iintlanga, nabantu beelwimi ngeelwimi, zamkhonza. Ubukhosi bakhe ke babungunaphakade bungenasiphelo, nombuso wakhe ungenakudaka.”
UDANIYELI 7:14 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Wanikwa igunya, nozuko, nobukumkani, ukuze bamkhonze abantu beentlanga zonke, neentlanga zonke, neelwimi zonke; Ubukumkani bakhe bubukumkani obungunaphakade obungayi kudlula, nobukumkani bakhe bungayi konakaliswa.
UDANIYELI 7:14 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Kwaza kwanikwa kuye ubukosi, nodumo, nobukumkani, ukuze bakonze kuye bonke abantu, izizwe, nenteto: ubukosi bake bubukosi obungunapakade, obungasayi kububa, nobukumkani bake bobungasayi kutshatyalaliswa.