UDANIYELI 6:10
UDANIYELI 6:10 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Ke kaloku uDaniyeli, ákwazi ukuba umbhalo lowo ubhaliwe, wangena endlwini yakhe; ibe neefestile zivulekile egumbini lakhe eliphezulu, elikhangele eYerusalem. Waguqa ngamadolo akhe izihlandlo ezithathu ngemini, wathandaza, wabulela phambi koThixo wakhe, ngenxa enokuba ebesenjenjalo kakade.
UDANIYELI 6:10 IBHAYIBHILE (XHO96)
Nakuba ke uDaniyeli wayeve ukuba lo mthetho ubhaliwe wapapashwa, usuke wagoduka, wafika wangena kwigumbi lendlu yakhe eliphezulu elalineefestile ezikhangele eJerusalem, waza ke waguqa ngamadolo wathandaza ebulela kuThixo wakhe kathathu ngemini njengoko wayeqhele ukwenjenjalo.
UDANIYELI 6:10 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Weva uDaniyeli ukuba incwadi leyo ibisayinwe, wangena endlwini yakhe; iifestile zegumbi lakhe zivuliwe, zikhangele eYerusalem, waguqa ngamadolo kathathu ngemini, ethandaza, ebulela kuThixo wakhe, njengoko ebesenza ngaphambili.
UDANIYELI 6:10 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Kekaloku u‐Danyeli, akwazi ukuba isiba̔lo sipauliwe, wangena endlwini yake; wati, ifenstile zake zivulekile nje enkambilini yapezulu yake ngecala elingase‐Yerusaleme, waguqa ngamadolo ake katatu ngemini, watandaza, wabulela pambi KWOTIXO wake, njengoko fudula ekwenza.