UDANIYELI 5:25-28
UDANIYELI 5:25-28 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Nangu ke loo mbhalo wàwubhaliwe: MENE, MENE, TEKELE, UFARSIN. Nanku ukutyhilwa kwale nto: elokuba MENE lithi, UThixo ububalile ubukumkani bakho, wabuphelisa. Elokuba TEKELE lithi, Wena ulinganisiwe esikalini,• wafunyanwa ulula. Elokuba PERES lithi, Buyahlulwa ubukumkani bakho, bunikwe amaMedi namaPersi.
UDANIYELI 5:25-28 IBHAYIBHILE (XHO96)
“Nantsi ke into ebibhaliwe: ‘Inani, inani; ubunzima; ukwahlula-hlula.’ Nantsi ke intsingiselo yala magama: ‘Inani’: uThixo ulibalile inani lemihla yolawulo lwakho, yaye ke uyinqamle. ‘Ubunzima’: wena ubekwe esikalini, baza ubunzima bakho bafumaneka bunganeno. ‘Ukwahlula-hlula’: urhulumente wakho wahlula-hlulwe wanikwa amaMedi namaPeshiya.”
UDANIYELI 5:25-28 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Nguwo lo ke umbhalo obhaliweyo: MENE, MENE, TEKELE, UFARSIN. Nantsi ukuchazwa kwetyala: MENE; uThixo ubufundile ubukumkani bakho, waza wabufeza. TEATLE; Ulinganiswe esikalini, kwaye ufunyenwe ubuthathaka. PERES; Bahlulwa ubukumkani bakho, banikwa amaMedi namaPersi.
UDANIYELI 5:25-28 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Nasi isiba̔lo esibe siba̔liwe: MENE, MENE, TEKELI, UPARESINE. Koku ukutyilwa kwalendawo: MENE; UTIXO ubalile ubukumkani bako, ubupelisile. TEKELI; ulinganisiwe ezilinganiselweni, wafunyanwa ulula. PERESE; ubukumkani bako bahlulwe, bunikiwe kuwo ama‐Medi nama‐Peresiya.