UDANIYELI 5:23
UDANIYELI 5:23 IBHAYIBHILE (XHO96)
Ndaweni yaloo nto usuke wayidela iNkosi yezulu. Uthe makulandwe izitya zendlu yayo, waza ngokunjalo wasela iwayini ngazo, wena nezikhulu zakho, abafazi bakho, namaqadi akho, waza wabadumisa oothixo abenziwe ngegolide, abesiliva, abobhedu, abentsimbi, abomthi, nabelitye; nangona bengaboni, bengeva, futhi bengaqiqi nokuqiqa. Kuyo yonke le nto uThixo okusesandleni sakhe ukuphefumla kwakho nolawula yonke imeko yobomi bakho, zange umhlonele.
UDANIYELI 5:23 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Ùziphakamisile ngaphezu, kweNkosi yamazulu, neempahla zendlu yayo zaziswa phambi kwakho, wena nezikhulu zakho, namakhosikazi akho, namashweshwe akho; nasela iwayini ngazo. Wancoma oothixo besilivere, nabegolide, nabobhedu, nabesinyithi, nabemithi, nabamatye, abangaboniyo, abangevayo, abangaziyo. Ke uThixo lowo, kùsesandleni sakhe ukuphefumla kwakho, onazo zonke iindlela zakho, akumbekanga.
UDANIYELI 5:23 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Uziphakamisile eNkosini yamazulu; iimpahla zendlu yakhe zazibeka phambi kwakho; nasela iwayini ngazo wena, nabathetheli bakho, nabafazi bakho, namashweshwe akho; ubadumise oothixo besilivere, nabegolide, nabobhedu, nabesinyithi, nabemithi, nabamatye, abangaboniyo, abangeva, nabangakwaziyo; akumzukisanga uThixo, osesandleni sakhe ukuphefumla kwakho, osesandleni sakhe zonke iindlela zakho.
UDANIYELI 5:23 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
koko uzipakamisile ngakuyo INKOSI yezulu; kanjalo kuzisiwe pambi kwako impahla zendlu yayo, nanisele iveyine ngazo, wena nemiduna yako, abafazi bako namashweshwe ako; notixo besilivere, nabegolide, nabexina, nabesincete, nabemiti, nabamatye, abangaboniyo, abangevayo, abangenakwazi, ubadumisile; kodwa UTIXO, lowo umoya wako usesandleni sake, nendlela zako zonke zingaye, akumbekanga.